Eyokuqala yokumkani 16
16
1Landula leza ilizwi likayehova ku‐Jehu unyana ka‐Hanani ngakuye u‐Bahasha, lisiti: 2Ngokokuba ndikupakamisile elutulini, ndakwenza inkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli: kanti uhambile ngendlela ka‐Jerobome, wabenza abantu bam o‐Sirayeli bone, ukundiqumbisa ngezono zabo; 3bona ke, ndiya kukukulisa u‐Bahasha, nendlu yake: ndandiya kuyenza indlu yako njengayo indlu ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati. 4Lowo ka‐Bahasha obubayo esixekweni, izinja ziya kumdla: nowake obubayo endle, intaka zezulu ziya kumdla.
5Nesisalela semicimbi ka‐Bahasha, noko wakwenzayo, namandla ake, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli? 6Wada walala u‐Bahasha noyise bake, wancw̔atywa e‐Tiretsa: waza u‐Ela unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
7Nakanjako leza ilizwi likayehova ngesandla sika‐Jehu unyana ka‐Hanani umprofite, ngakuye u‐Bahasha, nangakuyo indlu yake, kwa ngenxa yako konke ukukohlakala abekwenzile emehlweni kayehova, ngokumqumbisa ngomsebenzi wezandla zake, ngokuba njengendlu ka‐Jerobome, nangenxa yokuba ebembulele.
8Ngomnyaka wamashumi mabini anesitandatu ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Ela unyana ka‐Bahasha pezu kwo‐Sirayeli e‐Tiretsa, wapata ubukumkani iminyaka yamibini. 9Saza saceba ngakuye isicaka sake u‐Zimri, inkosi yesiqingata senqwelwana zake, nxa abese‐Tiretsa, ezinxilisa ngokusela endlwini ka‐Aretsa, obepezu kwendlu yake e‐Tiretsa. 10Wangena u‐Zimri wambeta, wambulala, ngomnyaka wamashumi mabini anesixe̔nxe ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani esikundleni sake. 11Kwaye kute, akuba ngukumkani, nxa abehleli pezu kweterone yake, wabeta yonke indlu ka‐Bahasha; akamsalisela namnye onobudoda, nowezalamane zake nowezihlobo zake. 12Kwa njalo u‐Zimri watshabalalisa yonke indlu ka‐Bahasha, njengelizwi likayehova, elo wabelitetile ngakuye u‐Bahasha ngesandla sika‐Jehu umprofite, 13ngenxa yazo zonke izono zika‐Bahasha, nezono zika‐Ela unyana wake, abonayo ngazo, nababenzayo o‐Sirayeli bone ngazo nabo, ukumqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngezinto zabo ezingendawo.
14Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Ela, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
15Ngomnyaka wamashumi mabini anesixe̔nxe ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, wapata u‐Zimri ubukumkani imihla yasixe̔nxe e‐Tiretsa. Baye abantu beṙaula i‐Gibetone, eyeyama‐Filistiya. 16Kwaza kwaviwa ngabantu ababeṙaula lomzi, kusitwa: u‐Zimri ucebile, ewe umbulele ukumkani kanjalo; ngako bonke o‐Sirayeli benza u‐Omri, inkosi yomkosi, ukumkani pezu kwo‐Sirayeli ngaleyomini emnqubeni apo. 17Waza wenyuka u‐Omri e‐Gibetone, no‐Sirayeli bonke kunye naye, baya bavingcela i‐Tiretsa. 18Kwaye kute, akubona u‐Zimri ukuba sitinjiwe isixeko, wandula wangena enqatyeni yendlu yokumkani, wayitshisa pezu kwake indlu yokumkani ngomlilo, wabuba, 19ngenxa yezono zake abe onile ngazo, ngokwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ngokuhamba ngendlela ka‐Jerobome, nangesono sake wona ngaso, ngokwenza o‐Sirayeli bone nabo.
20Nesisalela semicimbi ka‐Zimri, nokuceba kwake owaceba ngako, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
21Oko bahluka abantu bakwa‐Sirayeli kwezibini iziqingata: esinye isiqingata sabantu samlandela u‐Tibeni unyana ka‐Ginate, simenze ukumkani; nesinye isiqingata samlandela u‐Omri. 22Kodwa abantu ababemlandela u‐Omri babeyisa abantu ababemlandela u‐Tibeni unyana ka‐Ginate: wada wafa u‐Tibeni, wapata ubukumkani u‐Omri.
23Ngomnyaka wamashumi matatu anesinye ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Omri pezu kwo‐Sirayeli, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi linamibini: e‐Tiretsa wapata ubukumkani iminyaka yamitandatu. 24Waza watenga intaba ye‐Samariya ku‐Shemere ngetalente zimbini zesilivere, waka entabeni leyo, walibiza igama lesixeko wasakayo, ngegama lika‐Shemere, umnini wentaba, ngokuti yi‐Samariya. 25Waye u‐Omri esenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; ewe wenza okukohlakeleyo ngapezu kwabo bonke abebepambili kuye. 26Ngokuba ebehamba ngayo yonke indlela ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati, nangesono sake abebenzile o‐Sirayeli bone ngaso, ukumqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngezinto zabo ezingendawo.
27Nesisalela semicimbi ka‐Omri, oko wakwenzayo, namandla ake owenza ngawo, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli? 28Wada u‐Omri walala noyise bake, wancw̔atywa e‐Samariya: waza u‐Ahabi unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
29Kekaloku u‐Ahabi unyana ka‐Omri waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, ngomnyaka wamashumi matatu anesibozo ka‐Asa ukumkani wo‐Juda; wapata ubukumkani u‐Ahabi unyana ka‐Omri pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, iminyaka yamashumi mabini anamibini. 30Waye u‐Ahabi unyana ka‐Omri wenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ngapezu kwabo bonke abebepambili kuye. 31Kwaza kwati, (bekuyinto encinane na ukuhamba kwake ezonweni zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati?) ukuba wamzeka abe ngumfazi u‐Jezebele, intombi ka‐Etebali ukumkani wama‐Tsidone, waya wakonza u‐Bali, watoba pambi kwake. 32Waza wamisela u‐Bali isibingelo endlwini ka‐Bali, leyo abeyakile e‐Samariya: 33wawenza u‐Ahabi kanjako umfanekiso ka‐Ashera: kwa njalo u‐Ahabi wandisa ukwenza kwake ukuqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngapezu kwabo bonke okumkani bo‐Sirayeli abebepambili kuye.
34Ngemihla yake u‐Hiyeli, um‐Betele, wayaka i‐Jeriko: ngo‐Abirame owamazibulo wake wayiseka, nango‐Segube omncinane wake wamisa ingcango zayo, njengelizwi likayehova, owalitetayo ngo‐Yoshuwa unyana ka‐Nune.
Currently Selected:
Eyokuqala yokumkani 16: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.