Eyokuqala yokumkani 14
14
1NGELOXESHA u‐Abiya, unyana ka‐Jerobome, wabesifa. 2Waza wati u‐Jerobome kumfazi wake: Kausuke, uzenze ngakumbi, ukuze kungaziwa ukuba ungumfazi ka‐Jerobome, uhambele e‐Shilo; nankuya kona u‐Ahiya umprofite, lowo watetayo ngam ukuba ndibe ngukumkani pezu kwababantu. 3Uze utabate esandleni sako izonka zibe lishumi, nemiqatane, negubu lobusi, uye kuye: yena wokuxelela into eyakuhla umfana. 4Wenje njalo ke umfazi ka‐Jerobome, wayesuka, wahambela e‐Shilo, weza endlwini ka‐Ahiya. Kekaloku u‐Ahiya wakohlwa kukubona; ngokuba ebete nqi amehlo ake ngenxa yobudala bake. 5Koko uyehova wati ku‐Ahiya: Bona ke, umfazi ka‐Jerobome uyeza ukubuza into kuwe ngaye unyana wake, ngokuba esifa yena: ngokunje nangokunje uya kuteta kuye; ngokuba kuya kuti, nxa ezayo, uya kuzenzisa wumbi.
6Kwaza kwati, akuva u‐Ahiya intlokoma yenyawo zake, nxa abengena ngocango, wandula wati: Ngena, mfazi ka‐Jerobome! kunganina lento uzenzisa wumbi? ngokuba nditunyiwe kuwe nendaba ezinzima. 7Hamba, uti ku‐Jerobome: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ngenxa yokuba bendikupakamisa pakati kwabantu, ndaza ndakwenza inkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli, 8ndaṙazula ubukumkani kuyo indlu ka‐Davide, ndabunika kuwe; nokuba ungabanga njengesicaka sam u‐Davide, owagcinayo imiyalelo yam, nowandilandelayo ngayo yonke intliziyo yake, ukwenza oko kufaneleyo emehlweni am kodwa; 9koko ukwenzile okukohlakeleyo ngapezu kwabo bonke ababepambili kuwe: ngokuba uye wakwenzela otixo bambi, nemifanekiso etyityishiweyo, ukundiqumbisa, nam undilahlile emva kwomhlana wako: 10ngako oko, bona ke, ndiya kuzisa ububi pezu kwendlu ka‐Jerobome, ndinqamlele u‐Jerobome lowo unobudoda, ovaliweyo nokululekileyo kwa‐Sirayeli; ndandiya kukukulisa indlu ka‐Jerobome, njengokuba kukukuliswa umgquba, ide igqityelwe. 11Lowo ka‐Jerobome obubayo esixekweni, izinja ziya kumdla; nalowo ububayo endle, intaka zezulu ziya kumdla; ngokuba uyehova etshilo. 12Suka wena ngoko, uye endlwini yako; zisakungena inyawo zako esixekweni, uya kububa umfana lowo. 13Baye o‐Sirayeli bonke beya kumlilela, bamncw̔abe: ngokuba nguye yedwa engoka‐Jerobome oya kuza encw̔abeni, ngenxa yokuba kufunyanwa kuye into elungileyo ngakuye uyehova, utixo wo‐Sirayeli, pakati kwendlu ka‐Jerobome. 14Kanjako uyehova wozivusela ukumkani pezu kwo‐Sirayeli, oya kunqamla indlu ka‐Jerobome ngalomhla: kodwa yinto nina? kuya kubako kwa ngoku. 15Ngokuba uyehova eya kubeta o‐Sirayeli, njengokuba ingcongolo izanyazanyiswa emanzini, abancotule o‐Sirayeli kulomhlaba olungileyo wawunikayo koyise babo, abati sa pesheya kwomlambo; ngenxa yokuba bazenzile i‐Ashera zabo, bequmbisa uyehova nje. 16Waeya kuyekelela o‐Sirayeli ngenxa yezono zika‐Jerobome, owonileyo yena, nowenzeyo o‐Sirayeli bone nabo.
17Wandula wesuka umfazi ka‐Jerobome, wemka, waya e‐Tiretsa: esakuza pezu kwombundu wendlu, umfana wabuba; 18baza bamncw̔aba: bati o‐Sirayeli bonke bamlilela; njengelizwi likayehova, abelitetile ngesandla sesicaka sake u‐Ahiya umprofite.
19Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Jerobome, ukuba wati nina ukulwa, nokuba wati nina ukupata ubukumkani, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli. 20Nemihla owabepata ubukumkani ngayo u‐Jerobome, Ibiyiminyaka engamashumi mabini enesibini: wada walala noyise bake, waza u‐Nadabi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
21KEKALOKU u‐Rehobome unyana ka‐Solomone wapata ubukumkani kwa‐Juda: ebeyiminyaka engamashumi mane enamnye ubudala bake, akuba ngukumkani u‐Rehobome, waza wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesixe̔nxe e‐Yerusaleme, isixeko abesinyulile uyehova kuzo zonke izizwe ze‐Sirayeli, ukuba alibeke igama lake kona. Igama lonina belingu‐Nahama, um‐Hamonikazi. 22Baye o‐Juda besenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, bamvusela ikwele, ngapezu kwako konke bebekwenze oyise babo, ngezono zabo abonayo ngazo. 23Ngokuba nabo bebezakela indawo ezipakamileyo, nentsika zamatye, ne‐Ashera, pezu kwazo zonke induli ezinde, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza. 24Kwaye kubako nengnawo elizweni: benza njengazo zonke izinto ezibuntshontsho zentlanga ezibe zigqogqiwe nguyehova ebusweni bosapo luka‐Sirayeli.
25Kwaye kute ngowesihlanu umnyaka wokumkani u‐Rehobome, wenyuka u‐Shishaki ukumkani we‐Jipete ngakuyo i‐Yerusaleme: 26wayesusa indyebo zendlu kayehova, nendyebo zendlu yokumkani; kwa zonke wazisusa: wayesusa onke amakaka egolide abewenzile u‐Solomone kanjalo. 27Waza ukumkani u‐Rehobome wawenza endaweni yawo amakaka exina, wawanikela esandleni senkosi zomlisela, obugcina umnyango wendlu yokumkani. 28Kwati ke, nxa asukuba ebesiya ukumkani endlwini kayehova, umlisela wawatwala, wabuya weza nawo enkambilini yomlisela.
29Nesisalela semicimbi ka‐Rehobome, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 30Kwaye kuko imfazwe pakati kwo‐Rehobome no‐Jerobome yonke imihla yabo. 31Wada walala u‐Rehobome noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide. Igama lonina belingu‐Nahama, um‐Hamonikazi. Waza u‐Abiyame unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
Currently Selected:
Eyokuqala yokumkani 14: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.