Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 7:1-40

Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 7:1-40 XHO1902A

KEKALOKU ezozinto enaba̔la ngazo kum: Kulungele umntu ukuba angapati umfazi. Kodwa ngenxa yemibulo, mayiti indoda nye ibe nowayo umfazi, ati umfazi mnye abe neyake indoda. Indoda mayinikele emfazini ububele obumfaneleyo; makenje njalo ke nomfazi endodeni. Umfazi akanamandla pezu kwowake umzimba, koko yindoda; kwa njalo ke nendoda ayinamandla pezu kwowayo umzimba, koko ngumfazi. Ize ningalumkisani, kupela umhlaumbi kube lixesha elitile ngokuvumelana, ukuze nizuze ituba lokuzila ukutya nelokutandaza; nandul’ ukubuya nihlangane ndawonye, ukuze u‐Satane anganilingi ngenxa yokuba ningenabunca̔tu. Oku kodwa ndiyakuteta ngendawo yokuvumela, kungengendawo yokuyolela. Ngokuba nditanda ukuba bonke abantu babe njengokuba ndinjalo nam. Koko bonke ngabanye banesabo isipiwo sivela KUTIXO, omnye ngokunje, omnye ngokunjalo. Kekaloku nditi kwabangatshatileyo nakwabahlolokazi: Kubalungele xeshekweni bahlala kwa njengam. Ukuba kodwa abanabunca̔tu, makutshatwe: ngokuba kulungile ukutshata ngapezu kwokutsha. Nabo batshatileyo ndiyabayalela, ndingendim noko, YINKOSI, ukuba umfazi makangahlukani nendoda: kodwa xeshekweni aka ahlukane nayo, makahlale engendi, umhlaumbi makaxoliswane nendoda yake: nokuba indoda mayingalahli umfazi. Kekaloku abanye nditi mna kubo, ingeyiyo INKOSI: Ukuba kuko umzalwana oba nomfazi ongakolwayo, ati yena avume ukuhlala naye, makangamlahli. Kanjalo umfazi osukuba enendoda engakolwayo, iti yona ivume ukuhlala naye, makangayilahli. Ngokuba indoda engakolwayo yenziwe ngcwele emfazini, nomfazi ongakolwayo wenziwe ngcwele endodeni: okanye abantwa na benu banco̔lile; kanti kaloku ba ngcwele. Kodwa ukuba lowo ongakolwayo uyazahlula, makazahlule ke. Umzalwana umhlaumbi udade akabekwa ebukonzweni ezintweni ezinjalo: kodwa UTIXO usibizile sibe seluxolweni. Ngokuba usazi nganina, mfazi! ukuba akuyi kusindisa indoda yako? umhlaumbi uyazi nganina, ndoda! ukuba akuyi kusindisa umfazi wako? Kupela, njengokuba UTIXO wababela bonke ngabanye, njengokuba INKOSI ibabizile bonke ngabanye, mabahambe kwa njalo. Ndiyamisela nangokunjalo kuzo zonke iṙemente. Kuko na owabizwa engowalukileyo? makangazenzi ongalukileyo. Kuko na owabizwa esekungalukini, makangaluki. Ukwaluka akuluto, nokungaluki akuluto; eyona nto kukugcinwa kwemiyalelo KATIXO. Mabati bonke ngabanye bahlale kwa kokokubizwa ababebizwa kuko. Waubizwa ulikoboka na? zungakatali kuko: koko xeshekweni ungaka wenziwe okululekileyo, kupate kona ngakumbi: ngokuba lowo ENKOSINI obebizwa elikoboka, engumkululekiswa WENKOSI: kwa njalo nobebizwa engokululekileyo, ulikoboka lika‐Kristu. Benitengiwe ngenani; ize ningabi ngamakoboka abantu. Mabati bonke ngabanye, bazalwana! bahlale pambi KWOTIXO kwa kokokuhlala ababebizwa kuko. Kekaloku intombi zipela andinawo umyolelo WENKOSI ngazo: kodwa ndiyanika ingcingo yam, njengowamkeleyo ububele KWINKOSI ukuba ngonyanisekileyo. Nditi ngoko kulungile oku ngenxa yobunzima obukoyo, — kulungele umntu ukuba njalo. Ubotshelwe emfazini na? zungafuni ukukululwa. Ukululwe emfazini na? zungafuni umfazi. Kodwa xeshekweni uka uzeke, akwonanga; kanjako intombi xeshekweni yendayo, ayonanga. Noko abanjalo boba nembandezelo enyameni: mna kodwa ndiyaniyeka. Kodwa oku ndiyakutsho, bazalwana! ixesha lifinyezelwe oko kuseleyo; ukuze bati abo banabafazi, babe njengokuba bengenabo; bati abalilayo, babe njengokuba bengalili; bati abavuyayo, babe njengokuba bengavuyi; bati abatengayo, babe njengokuba bengafuyi; bati abapatayo ilizwe eli, babe njengokuba bengalipati ngokugqitileyo: ngokuba isimilo selizwe eli sidlula. Kodwa ndifuna ukuba nibe ningenazo inkatalelo. Ongazekileyo uyakatalela izinto ZENKOSI, ukuba woti nina ukukolisa INKOSI: kodwa ozekileyo uyakatalela izinto zelizwe, ukuba woti nina ukukolisa umfazi wake. Kuko kanjalo ukwahluka pakati kwomfazi nentombi. Ongendileyo uyakatalela izinto ZENKOSI, ukuze abe ngcwele nasemzimbeni nasemoyeni: kodwa owendileyo uyakatalela izinto zelizwe, ukuba woti nina ukukolisa indoda yake. Nako oku ndiyakutsho kube kokwenu ukuncedwa; kungekukuba ndipose isisinga pezu kwenu, kukuba kubeko okufanelekileyo, nokuba kunyanyekelwe INKOSI kungenakubideka. Kodwa ukuba kuko oba uyenza ngokungafanelekileyo ngakuyo intombi yake ipela, xeshekweni isel’ ingene ebunkazaneni, nokuba kufanele ukuba nja lo, makenze ngokutanda kwake; akoni: makutshatwe. Kodwa lowo umiyo eqinile entliziyweni yake, enganyanzelwa nto, enamandla nje pezu kweyake intando, ogwebile njalo entliziyweni yake ukuti uya kugcina yona intombi yake ipela, uyalungisa. Kwa njalo ke nalowo owendisayo uyalungisa; kodwa lowo ungendisiyo uyalungisa ngakumbi. Umfazi ubotshiwe ngumteto lonke ixesha indoda yake isahlala ngalo; kodwa xeshekweni indoda yake ifile, ukululekile ukwenda kulowo atandayo; kupela ENKOSINI. Kodwa unetamsanqa elikulu ngakumbi xeshekweni ahlala njalo, ngokweyam ingcingo: kanjako ndiba ndino MOYA KATIXO kwa nam.