Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 16

16
1KEKALOKU okwayo inkongozelo ngenxa yabangcwele, njengokuba ndandimisele iṙemente zase‐Galati, yenzani njalo kwa nani. 2Ngowokuqala umhla weveki mabati bonke ngabanye kuni babeke into kubo, bebekela ngoko kusukuba behanjisiwe kakuhle ngako, ukuze kuti ndakufika, zinganduli zenzwe inkongozelo oko. 3Naxeshekweni ndifikileyo, abo basukuba nibabukayo ndiya kubatuma aba benencwadi ukuya kusa ubabalo lwenu e‐Yerusaleme. 4Nokuba kuti kufanele ukuba ndihambe nam, baya kuhamba kwa kunye nam.
5Kodwa ndiya kuza kuni, okuya ndicandileyo i‐Masedoniya; ngokuba ndicanda i‐Masedoniya: 6ndize kungati ndihlale kuni, umhlaumbi ndenze kwa ubusika, ukuze ndipelekelelwe nini apo kusukuba ndihambela kona. 7Ngokuba ndingafuni ukunibona ngoku ekudluleni; kodwa ndiyatemba ukulibala kuni ixesha elitile, xeshekweni kuvunyelwayo yinkosi. 8Kodwa ndiya kulibala e‐Efese kude kubeko ipentekoste. 9Ngokuba ndivulelwe ituba elikulu, elisebenzekayo; kanjalo bako abalane abaninzi.
10Kodwa xeshekweni kufikayo u‐Timote, lumkani ukuba abeko kuni engenakwoyika: ngokuba esebenza umsebenzi wenkosi, njengokuba ndisenje njalo nam. 11Makungabiko umntu ngoko omdelayo: kodwa mpelekeleleni ngoxolo, ukuba eze kum: ngokuba ndimkangela kunye nabo abazalwana.
12Kodwa okwake u‐Apolosi umzalwana wetu, ndamkunga kakulu ukuba eze kuni kunye nabo abazalwana: kanti ibingeko kanye intando yokuba eze kaloku nje; kodwa uya kuza okuya anexesha elifanekileyo.
13Lindani, qinisani ukuma elukolweni, yenzani njengamadoda, yomelelani. 14Maziti zonke izinto zenu zenzwe ngotando.
15Kekaloku ndiyanikunga, bazalwana! (niyazi indlu ka‐Stefana, ukuba isisandulelo sase‐Akaiya, nokuba bazimisile ukukonza kwabangcwele,) 16ukuba nani nilulamele kwabanjalo, nakubo bonke abanceda emsebenzini, nabazamayo. 17Ndiyavuyela ukufika kuka‐Stefana no‐Forotunato no‐Akaiyiko; kuba oko bekuswele ngecala lenu bona aba bakwenzelele. 18Ngokuba bepumzile owam umoya nowenu: bukani ngoko abanjalo.
19Iṙemente zase‐Asiya ziyanibulisa. U‐Akwila no‐Pirisila bayanibulisa kakulu enkosini, kunye neṙemente esendlwini yabo. 20Abazalwana bonke bayanibulisa. Bulisanani ngokwanga okungcwele.
21Umbuliso wam Paulusi ngesam isandla. 22Ukuba umntu akatandi inkosi u‐Yesu Kristu, makabe yinto eqalekisiweyo. Inkosi iyeza. 23Ufefe lwenkosi u‐Yesu Kristu malube nani. 24Utando lwam malube nani nonke ku‐Kristu Yesu. Amene.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena