Eyokuqala yezikronike 9

9
1Kwa njalo o‐Sirayeli bonke baba̔lelwa ngokuzalwa: bona ke, baba̔lwa encwadini yokumkani bo‐Sirayeli no‐Juda, ababefuduselwa e‐Babilone ngenxa yokugqita kwabo.
2KEKALOKU abemi bokuqala, abo bezayo ezimfuyweni zabo, ezixekweni zakowabo, bebengaba‐Sirayeli, abaperisite, aba‐Levi, naba‐Netini. 3Nase‐Yerusaleme bahlala abosapo luka‐Juda, nabosapo luka‐Benjamine, nabosapo luka‐Frayime no‐Manase.
4Ngu‐Hutai, unyana ka‐Hamihude, unyana ka‐Omri, unyana ka‐Yimri, unyana ka‐Bani, kulo usapo luka‐Faretse unyana ka‐Juda. 5Nakuwo ama‐Shilo: ngu‐Hasaya owamazibulo, nonyana bake. 6Nakonyana baka‐Zera: ngu‐Yeyuli, nabazalwana babo, amakulu matandatu anamashumi asitoba.
7Nakubo onyana baka‐Benjamine: ngu‐Salu, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Hodaviya, unyana ka‐Hasenuwa; 8no‐Bineya, unyana ka‐Yerohame; no‐Ela, unyana ka‐Huzi, unyana ka‐Mikeri; no‐Meshulame, unyana ka‐Shefatiya, unyana ka‐Rehule, unyana ka‐Biniya; 9nabazalwana babo, ngezizukulwana zabo, amakulu alitoba anamashumi mahlanu anesitandatu. Lamadoda onke ebezintloko zendlu zoyise kwindlu zoyise zawo.
10Nakubo abaperisite: ngu‐Yedaya, no‐Yoyaribe, no‐Yakine, 11no‐Hazariya, unyana ka‐Hilikiya, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Tsadoki, unyana ka‐Merayoti, unyana ka‐Ahitube, umpati wendlu katixo; 12no‐Hadaya, unyana ka‐Yerohame, unyana ka‐Pashure, unyana ka‐Malekiya; no‐Mahasai, unyana ka‐Hadiyeli, unyana ka‐Yazera, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Meshilemiti, unyana ka‐Yimeri; 13nabazalwana babo, intloko zendlu zoyise zabo, iwaka linye elinamakulu asixe̔nxe anamashumi matandatu; amadoda akalipileyo emsebenzini wenkonzo yayo indlu katixo.
14Nakubo aba‐Levi: ngu‐Shemaya, unyana ka‐Hashube, unyana ka‐Zarikame, unyana ka‐Hashabiya, kubo onyana baka‐Merari; 15no‐Bakebakari, no‐Hereshe, no‐Galali, no‐Mataniya, unyana ka‐Mika, unyana ka‐Zikeri, unyana ka‐Safa; 16no‐Hobadiya, unyana ka‐Shemaya, unyana ka‐Galali, unyana ka‐Jedutune; no‐Berekiya, unyana ka‐Asa, unyana ka‐Lekana, owahlala emizini yama‐Netofati. 17Nabalindimnyango; ngu‐Shalume, no‐Hakube, no‐Talimone, no‐Ahimane, nabazalwana babo: u‐Shalume ebenguye omkulu. 18Kwada kwakaloku, esangweni lokumkani ngasempumalanga, aba bebengabalindimnyango emikosini yosapo luka‐Levi. 19Kanjalo u‐Shalume, unyana ka‐Kore, unyana ka‐Abiyasafa, unyana ka‐Kora, nabazalwana bake bendlu kayise, ama‐Kora, bebepezu kwomsebenzi benkonzo, bengabagcini beminyango yetabanakele: njengokuba oyise babo bebepezu kwomnquba kayehova, bengabagcini bendawo yokungena, 20akuba u‐Finehasi unyana ka‐Elezari ebeyinkosi pezu kwabo ngapambili, uyehova enaye. 21U‐Zekariya, unyana ka‐Meshelemiya, ebengumlindimnyango elucangweni lwentente yentlangano. 22Bonke abo baketwayo babe ngabalindi eminyangweni, bebengamakulu mabini aneshumi linesibini. Aba baba̔lelwa ngemizi yabo, owati u‐Davide, no‐Samyali umboni, wabamisa ebusebenzini babo. 23Baye bona nonyana babo bebepezu kwamasango ayo indlu kayehova, indlu yentente, ngemivaṙasho. 24Ngasemacaleni omane bebeko abalindimnyango abo, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasenode, nangasesuyide. 25Nabazalwana babo, ababe‐semizini yabo, bamiselwa ukuza emva kwemihla esixe̔nxe, ngamaxesha ngamaxesha, babe nabo ekukonzeni. 26Ngokuba ebusebenzini obo bebengabane abalindimnyango abakulu, abebengaba‐Levi; bona bapezu kwenkambili napezu kwendyebo zendlu katixo. 27Baye belalisa ngokungqonga indlu katixo, ngokuba bekugcinwa ngabo, bekukokwabo nokuvula ngemiso ngemiso. 28Bati inxenye yabo bapezu kwezinto zenkonzo, ukuba bazingenise ngenani, nokuba bazipumise ngenani kanjako. 29Nenxenye yabo bamiswa pezu kwempahla, kwa pezu kwempahla zonke zeyingcwele indawo, napezu kwomgubo ocolekileyo, neveyine, neoli, nentlakamhlope, nezimnandi. 30Nakonyana babaperisite abanye bamanya amafuta ezimnandi. 31No‐Matitiya, owakubo aba‐Levi, obengowamazibulo ka‐Shalume um‐Kora, ebesebusebenzini pezu kwomsebenzi wezinto ezojiweyo. 32Nakonyana bama‐Kohati, kubo abazalwana babo, abanye babepezu kwezonka zokuṙozwa, ukuba zilungiswe ngesabata ngesabata. 33Nakubo aba abanye bebengabaculi, intloko zendlu zoyise pakati kwaba‐Levi, ezinkambilini, bekululekile; ngokuba bebebangwa ngumsebenzi lowo, imini nobusuku. 34Aba bebezintloko zendlu zoyise pakati kwaba‐Levi, ngezizukulwana zabo, inkosi. Aba bahlala e‐Yerusaleme.
35NASE‐GIBEYONE wahlala uyise we‐Gibeyone, u‐Yeyeli: igama lomfazi wake lalingu‐Mahaka: 36nonyana wake wamazibulo, ngu‐Habedoni; nabanye, ngu‐Tsure, no‐Kishe, no‐Bali, no‐Nere, no‐Nadabi, 37no‐Gedore, no‐Ahiyo, no‐Zekariya, no‐Mikelote. 38Waye u‐Mikelote wazala u‐Shimame. Bati ke naba bahlala nabazalwana babo e‐Yerusaleme, malungana nabazalwana babo. 39Kekaloku u‐Nere wazala u‐Kishe; no‐Kishe wazala u‐Saule: no‐Saule wazala u‐Jonatane, no‐Maleki‐shuha, no‐Abinadabi, no‐Shebali. 40Nonyana ka‐Jonatane ebengu‐Meribi‐bali; waza u‐Meribi‐bali wazala u‐Mika: 41nonyana baka‐Mika bebengaba: u‐Pitone, no‐Meleke, no‐Tareha. 42Waye u‐Ahazi wazala u‐Yara; no‐Yara wazala u‐Halemete, no‐Hazamaveti, no‐Zimri; wati u‐Zimri wazala u‐Motsa; 43no‐Motsa wazala u‐Bineha: u‐Refaya ebengunyana wake; u‐Elehasa ebengunyana wake; u‐Atsele ebengunyana wake. 44Kekaloku u‐Atsele ebenonyana batandatu, abamagama angala: u‐Zarikame, u‐Bokeru, no‐Shimayeli, no‐Shehariya, no‐Hobadiya, no‐Hanane. Aba bangonyana baka‐Atsele.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena