Eyokuqala yezikronike 26
26
1NGAZO izahlulo zabalindimnyango: ngawo ama‐Kora: u‐Meshelemiya, unyana ka‐Kore, owakubo onyana baka‐Safa. 2Waye u‐Meshelemiya ebenabo onyana: u‐Zekariya ebengowamazibulo; u‐Yedaheli ebengowesibini; u‐Zebadiya ebengowesitatu; u‐Yateneli ebengowesine; 3u‐Helami ebengowesihlanu; u‐Jehohanane ebengowesitandatu; u‐Eliwenai ebengowesixe̔nxe. 4Kanjalo u‐Obedi‐edome ebenonyana: u‐Shemaya ebengowamazibulo; u‐Yehozabadi ebengowesibini; u‐Jowahi ebengowesitatu; no‐Sakare ebengowesine; no‐Netaneli ebengowesihlanu; 5u‐Hamiyeli ebengowesitandatu; u‐Yisakare ebengowesixe̔nxe; u‐Pehuletai ebengowesibozo: ngokuba utixo ebemtamsanqele. 6No‐Shemaya unyana wake bekumzalelwe onyana, abebenobukosi kwindlu yoyise wabo, ngokuba bebengamaṙoti akalipileyo bona. 7Onyana baka‐Shemaya: ngu‐Hoteni, no‐Refali, no‐Obedi, no‐Lezabadi, obazalwana bebengamadoda akalipileyo, u‐Elihu, no‐Semakiya. 8Aba bonke bebengabakubo onyana baka‐Obedi‐edome; bona, nonyana babo, nabazalwana babo, amadoda akalipileyo enamandla enkonzweni; bebengamashumi matandatu anesibini abaka‐Obedi‐edome. 9Kekaloku u‐Meshelemiya ebenonyana nabazalwana, amadoda akalipileyo, ishumi elinesibozo. 10No‐Hosa, owakubo onyana baka‐Merari, ebenabo onyana: ngu‐Shimri oyintloko; (nakuba ebengenguye owamazibulo, uyise wammisela noko ukuba abe ngoyintloko;) 11ngu‐Hilikiya owesibini; ngu‐Tebaliya owesitatu; ngu‐Zekariya owesine: bonke onyana nabazalwana baka‐Hosa bebelishumi elinesitatu.
12Zizo ezi izahlulo zabalindimnyango, amadoda azintloko, abalindi kwa kunye nabazalwana babo, kuze kukonzwe endlwini kayehova. 13Baye bewisa amaqashiso, kwa nabancinane nabakulu, ngendlu zoyise zabo, ngesango ngesango. 14Lati iqashiso lasempumalanga lawa ku‐Shelemiya. Kanjalo u‐Zekariya unyana wake, umcebisi olumkileyo, bamwisela amaqashiso; laza lapuma iqashiso lake ngasenode. 15Elika‐Obedi‐edome lapuma ngasesuyide; elonyana bake lapumela indlu ye‐Apusime. 16U‐Shupime no‐Hosa labapumela ngasentshonalanga, kunye nesango le‐Shalekete, ngasendleleni epakamileyo yokunyuka, umvaṙasho malungana nomvaṙasho. 17Ngasempumalanga bekuko aba‐Levi abatandatu; ngasenode bebebane imihla ngemihla; ngasesuyide bebebane imihla ngemihla; nangase‐Asupime bebengababini ngababini. 18E‐Pabari ngasentshonalanga, bebebane ngasendleleni epakamileyo, nababini e‐Pabari. 19Zezi izahlulo zabalindimnyango pakati kwonyana bama‐Kora napakati kwonyana baka‐Merari.
20Kekaloku aba‐Levi: u‐Ahiya ebepezu kwendyebo zendlu katixo napezu kwendyebo zezinto ezingcwele. 21Onyana baka‐Lahadane, onyana bom‐Gereshone, abaka‐Lahadane, intloko zendlu zoyise zika‐Ladane um‐Gereshone: u‐Yehili. 22Onyana baka‐Yehili: ngu‐Zetame, no‐Joweli umninawe wake; aba bebepezu kwendyebo zendlu kayehova. 23Kekaloku ama‐Hamerame, ama‐Yitsare, ama‐Hebrone, nama‐Huziyeli: 24u‐Shebuweli, unyana ka‐Gereshome, unyana ka‐Mosesi, ebengumpati pezu kwendyebo. 25Nabazalwana bake ngo‐Eliyezeri: u‐Rehabiya ebengunyana wake; u‐Yisaya ebengunyana wake; u‐Yorame ebengunyana wake; u‐Zikeri ebengunyana wake; u‐Shelomiti ebengunyana wake. 26U‐Shelomiti lowo nabazalwana bake bebepezu kwazo zonke indyebo zezinto ezingcwele, ezibe zenziwe ngcwele ngu‐Davide ukumkani, nabazintloko zendlu zoyise, nenkosi zamawaka nezamakulu, nenkosi zomkosi. 27(Kokwemfazwe nakokwamaxoba bekwenziwe ngcwele ngabo ukulungisa indlu kayehova.) 28Kanjalo konke wakwenza ngcwele u‐Samyali umboni, no‐Saule unyana ka‐Kishe, no‐Abenere unyana ka‐Nere, no‐Jowabi unyana ka‐Tseruya; konke okube kwenziwe ngcwele, bekupantsi kwesandla sika‐Shelomiti nabazalwana bake.
29Pakati kwama‐Yitsare, u‐Kenaniya nonyana bake bebepezu kwomsebenzi wapandle kwa‐Sirayeli, ukuba ngamagosa nabagwebi. 30Pakati kwama‐Hebrone, u‐Hashabiya nabazalwana bake, amadoda akalipileyo, iwaka linamakulu asixe̔nxe, bebepezu kwobongama bakwa‐Sirayeli nganeno kwe‐Yoredane ngasentshonalanga, ngawo wonke umsebenzi kayehova, nangayo inkonzo yokumkani. 31Pakati kwama‐Hebrone u‐Jeriya ebengoyintloko; (kekaloku ama‐Hebrone, ngezizukulwana zawo, ngendlu zoyise, ngomnyaka wamashumi mane wobukumkani buka‐Davide, afunwa ke, kwaza kwafunyanwa pakati kwawo, amaṙoti akalipileyo e‐Yahezere yase‐Gileyadi;) 32nabazalwana bake, amadoda akalipileyo, bebengamawaka mabini anamakulu asixe̔nxe abazintloko zendlu zoyise; owati u‐Davide ukumkani wabenza abongama pezu kwama‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, ngazo zonke indawo zikatixo, nangendawo zokumkani.
Currently Selected:
Eyokuqala yezikronike 26: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.