Eyokuqala yezikronike 24
24
1NANGABO onyana baka‐Arone, izahlulo zabo. Onyana baka‐Arone: ngu‐Nadabi, no‐Abihu, no‐Elezari, no‐Yitamare. 2Wafa kodwa u‐Nadabi, no‐Abihu, ngapambili kuyise wabo; baye bengenabo abantwana: ngako u‐Elezari no‐Yitamare bakonza ngobuperisite. 3Wabahlulahlula u‐Davide, no‐Tsadoki konyana baka‐Elezari, no‐Ahimeleki konyana baka‐Yitamare, ngobongama babo enkonzweni yabo.
4Kekaloku onyana baka‐Elezari bebefunyanwa benamadoda azintloko amaninzi kwawonyana baka‐Yitamare, nxa babahlulayo: pakati kwonyana baka‐Elezari bebelishumi elinesitandatu abazintloko zerdlu zoyise, napakati kwonyana baka‐Yitamare, ngendlu zoyise zabo, bebesibozo. 5Baza bahlulwa ngamaqashiso, aba kunye nabaya: ngokuba abapati beyingcwele indawo, nabapati bendlu katixo, bebengabonyana baka‐Elezari nabonyana baka‐Yitamare.
6Waye u‐Shemaya unyana ka‐Netaneli umba̔li, owaba‐Levi, wababa̔la pambi kwokumkani, nenkosi, no‐Tsadoki umperisite, no‐Ahimeleki unyana ka‐Abiyatare, nabazintloko zendlu zoyise pakati kwabaperisite napakati kwaba‐Levi: enye indlu yoyise yacatshulelwa u‐Elezari, nenye yacatshulelwa u‐Yitamare.
7Elokuqala iqashiso lapumela ku‐Yoyaribe, elesibini ku‐Yedaya, 8elesitatu ku‐Harime, elesine ku‐Sehorime, 9elesihlanu ku‐Malekiya, elesitandatu ku‐Miyamine, 10elesixe̔nxe ku‐Hakotse, elesibozo ku‐Abiya, 11elesitoba ku‐Yoshuwa, eleshumi ku‐Shekaniya, 12eleshumi linesinye ku‐Eliyashibe, eleshumi linesibini ku‐Yakime, 13eleshumi linesitatu ku‐Hupa, eleshumi linesine ku‐Yeshebabi, 14eleshumi linesihlanu ku‐Bilega, eleshumi linesitandatu ku‐Yimeri, 15eleshumi linesixe̔nxe ku‐Hezire, eleshumi linesibozo ku‐Hapitsetse, 16eleshumi linetoba ku‐Petahiya, elamashumi mabini ku‐Hezekile, 17elamashumi mabini enesinye ku‐Yakine, elamashumi mabini enesibini ku‐Gamule, 18elamashumi mabini enesitatu ku‐Delaya, elamashumi mabini enesine ku‐Mahaziya.
19Aba ubongama babo enkonzweni yabo bebubobokuba beze endlwini kayehova njengesiko labo, ngesimiselo sika‐Arone uyise wabo, njengokuba ebemyalele uyehova, utixo wo‐Sirayeli.
20Nabonyana baka‐Levi abaseleyo: abonyana baka‐Hamerame; ngu‐Shubaweli: abonyana baka‐Shubaweli; ngu‐Jedeya. 21Abaka‐Rehabiya: abonyana baka‐Rehabiya; oyintloko ngu‐Yishiya. 22Abama‐Yitsare; ngu‐Shelomote: abonyana baka‐Shelomote; ngu‐Yahati. 23Nonyana baka‐Hebrone: u‐Jeriya ebengowokuqala, u‐Amariya ebengowesibini, u‐Yahaziyeli ebengowesitatu, u‐Yekamame ebengowesine. 24Onyana baka‐Huziyeli; ngu‐Mika; abonyana baka‐Mika; ngu‐Shamire. 25Umninawe ka‐Mika ebengu‐Yishiya: abonyana baka‐Yishiya; ngu‐Zekariya. 26Onyana baka‐Merari; ngu‐Mahali, no‐Mushi. Onyana baka‐Yaziya; ngu‐Beno. 27Onyana baka‐Merari ngo‐Yaziya; ngu‐Beno, no‐Shohame, no‐Zakure, no‐Hiberi. 28Oka‐Mahali ebengu‐Elezari, obengenabo onyana. 29Abaka‐Kishe: onyana baka‐Kishe; ngu‐Jeramele. 30Nonyana baka‐Mushi: ngu‐Mahali, no‐Hedere, no‐Jerimote. Aba bebengonyana baba‐Levi, ngendlu zoyise zabo. 31Bawawisa amaqashiso nabo, kwa njengabo nabazalwana babo onyana baka‐Arone, ebusweni buka‐Davide ukumkani, no‐Tsadoki, no‐Ahimeleki, nabazintloko zendlu zoyise pakati kwabaperisite napakati kwaba‐Levi, abazintloko zendlu zoyise kwa kunye nabaninawe babo.
Currently Selected:
Eyokuqala yezikronike 24: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.