Thina ke sinokholo olomeleleyo simelwe kukuthwalisana ubunzima nabo balukholo lubuthathaka. Masingazikholisi thina ziqu, koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo. Kaloku naye uKrestu akazikholisanga, njengoko nazo *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Izingcikivo zabakungcikivayo zathwalwa ndim.” Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo. Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu, ukuze nithi, ngamxhelo mnye, nimdumise ngazwi-nye uThixo, uYise weNkosi uYesu Krestu. Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.
Funda KWABASEROMA 15
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: KWABASEROMA 15:1-7
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo