Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo, khon' ukuze ndinamathele enyanisweni. Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi; ndikunqule ndingankwalambisi. Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi; Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho, kuba ziyandimangalisa izibele zakho; undihlangule enzonzobileni yengcwaba. Awu, Thixo, zindivukele izibhoja. Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela; zona azikukhathalele nganto. Kambe ke wena, Nkosi, unguThixo onenceba nesisa. Wena ucaphuka kade, uphuphuma uthando nokunyaniseka. Buya uvelane nam; khawusomeleze isicaka sakho, umhlangule unyana wesicakazana sakho. Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho, ukuze abandithiyileyo babone badane, kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.
Funda IINDUMISO 86
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 86:11-17
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo