IINDUMISO 86:11-17

IINDUMISO 86:11-17 XHO75

Ndíyalele, Yehova, indlela yakho, Ndihambe ngenyaniso yakho; Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho. Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke, Ndilizukise igama lakho ngonaphakade: Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum; Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo. Thixo, ábakhukhumali basukéle phezulu kum; Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam; Àbakumisi wena phambi kwabo. Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo, Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso. Ndíbheke, undibabale; Mphe amandla akho umkhonzi wakho, Úmsindise unyana womkhonzazana wakho. Ndénzele umqondiso wokulungileyo, Bawubone abandithiyayo, badane, Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.