Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 26:1-7

IINDUMISO 26:1-7 XHO96

Ndigwebele, *Ndikhoyo; kaloku azisoleki iindlela zam, nethemba lam kuwe aligungqi. Ndivavanye, undicikide, Ndikhoyo; yigocagoce intliziyo yam ngokunjalo neengcinga zam. Ndisoloko ndikhokelwa zizibele zothando lwakho; ndihamba njalo nasenyanisweni yakho. Andinanto yakwenza namamenemene, ndaye ndingenabudlelwana nabakhohlisi. Ndiyithiyile imbutho yabantw' abagwenxa, ndaye ndingadlelani nabantw' abangcolileyo. Ndazihlamba kubo ezam izandla, ndenjenjeya ukuy' esibingelelweni sakho, Ndikhoyo, ndivuma ingoma yombongo, ndibalisa ngazo zonk' izenzo zakhw' ezingummangaliso.