Ndigwebele, *Ndikhoyo; kaloku azisoleki iindlela zam, nethemba lam kuwe aligungqi. Ndivavanye, undicikide, Ndikhoyo; yigocagoce intliziyo yam ngokunjalo neengcinga zam. Ndisoloko ndikhokelwa zizibele zothando lwakho; ndihamba njalo nasenyanisweni yakho. Andinanto yakwenza namamenemene, ndaye ndingenabudlelwana nabakhohlisi. Ndiyithiyile imbutho yabantw' abagwenxa, ndaye ndingadlelani nabantw' abangcolileyo. Ndazihlamba kubo ezam izandla, ndenjenjeya ukuy' esibingelelweni sakho, Ndikhoyo, ndivuma ingoma yombongo, ndibalisa ngazo zonk' izenzo zakhw' ezingummangaliso.
Funda IINDUMISO 26
Share
Compare All Versions: IINDUMISO 26:1-7
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos