IINDUMISO 24:1-4

IINDUMISO 24:1-4 XHO96

*LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo; ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo. Walisekela phezu kweelwandle; walithi zinzi phezu kwayo imilambo. Ngubani onganyukayo aye entabeni kaNdikhoyo; ingubani oya kuthi gcobho endlwini yakhe? Ngulow' uzandla zimsulwa, untliziyo inyulu, lowo ungazinquliyo izintw' ezingento, low' ungafungiyo exoka.