IINDUMISO 19
19
Indalo nomyalelo kaThixo
Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.
1Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo,
nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.
2Imini ixelela imin' elandelayo,
nobusuku bubikela ubusuk' obulandelayo.
3Akukho ntetho namazwi nasandi sivakalayo;
4kodwa kukho intlokoma kulo lonk' elimiweyo,
nebali lazo liwugqibe wonk' umhlaba.
UThixo ulakhele esibhakabhakeni ilanga.
5Liphuma linyalasa njengomyen' ephum' entangeni,
nanjengembalek' engxamel' ukubalek' elugqatsweni.
6Liphum' emaphethelwen' esibhakabhaka,
liye kutshw' emaphethelweni kwelinye icala;
akukho nto inokusinda kwingqatsini yalo.
7Ugqibelele won' umyalelo *kaNdikhoyo:
uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko.
8Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.
Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela.
9Kulungil' ukunqul' uNdikhoyo; koba njalo nanini-nini.
Ziyinyanis' izigqibo zakhe, yaye zilunge kwaphela.
10Zinqweneleka ngaphezu kwegolide,
nditheth' igolid' engcwengileyo;
zimnandi ngaphezu kobusi,
ewe, ndixel' ikhephelele lenqatha lobusi.
11Ngaphezu koko ziyasilulek' isicaka sakho,
yaye ngumvuz' omkhulu ukukuthobela.
12Kambe ke ngubani oziqiqayo iziphoso zakhe?
Ndikhulul' ezonweni endingaziqondiyo.
13Ndikhusel' ezonwen' ezibangwa likratshi,
hleze zindongamele.
Ndiyakwandul' ukuba msulwa
ndakuba ndikhululekil' ezonweni ezoyikekayo.
14Ngamana angamkeleka kuwe, Ndikhoyo,
amazwi am neengcamango zentliziyo yam,
wena mkhuseli wam nomkhululi wam.
Currently Selected:
IINDUMISO 19: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.