UMARKO 14:26-50

UMARKO 14:26-50 XHO96

Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. UYesu wathi kubo: “Ndiya kuba sisikhubekiso kuni nonke, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha!’ Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela ukuya kwelaseGalili.” Wathi ke uPetros kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!” UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, namhlanje, kwangobu busuku, ingekakhali kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.” Kodwa yena waqokela wathi: “Noba kungade kufuneke ndife kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho ke bonke. Ke kaloku bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane; waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Hlalani apha ngeli xa ndithandazayo.” Wahamba noPetros noYakobi noYohane, waza wangenwa luvalo, wadandatheka kakhulu, wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde.” Ehambele phambili umganyana ke, wawa emhlabeni, wathandazela ukuba loo ndebe ikrakra idlule kuye ukuba kunokwenzeka. Wayesithi ke: “Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.” Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Simon, ulele? Ubungenakulinda na okweli thutyana? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Umoya wona okunene unentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.” Wabuya wemka, waya kuthandaza kwangalawa mazwi. Wathi akubuya wabafumana belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Bona ke baxakwa kukumphendula. Wafika ke okwesithathu, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumla na? Kwanele! Lifikile ixesha! Ngoku *uNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni. Vukani, sihambe! Nanko lowo undinikelayo.” Kwangoko, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu. Ke kaloku umngcatshi lowo wayebanike umqondiso esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni, nimke naye angaphuncuki.” Efikile ke uJudas, uye kuYesu, wathi: “Mfundisi!” Wamanga. Bambamba ke uYesu, waza omnye wâbo babemi khona, warhola ikrele, wasixabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe. UYesu ke wathi kubo: “Niphumele ukuza kubamba mna, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange? Bendinani imihla ngemihla ndifundisa *endlwini kaThixo, naza anandibamba. Kodwa kunje ukuze zizaliseke *iziBhalo.” Emva koko ke babaleka bonke abafundi, bamshiya.