UMARKO 13:1-23

UMARKO 13:1-23 XHO96

Xa ke uYesu wayephuma *endlwini kaThixo, omnye umfundi wakhe wathi kuye: “Mfundisi, uyawabona la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?” Waphendula uYesu wathi kuye: “Uyazibona ezi zakhiwo zingaka? Akusayi kusala litye phezu kwelitye elingayi kudilizwa.” UYesu wayehleli eNtabeni yemiNquma, ejongene *nendlu kaThixo, baza bambuza bebodwa ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi: “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo.” Waza wabaphendula uYesu wathi: “Lumkani ningalahlekiswa bani, kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu. Xa nithe neva ngeemfazwe nangamarhe eemfazwe, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko. Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo, kubekho neendlala. Kunjengokuqala kwenimba ke oko. “Zilumkeleni ke okwenu. Baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ningqine kubo. Kuqala ke iindaba ezimnandi ezi zimelwe kukuvakaliswa kuzo zonke iintlanga. Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele. Ke kaloku oonyana bomntu omnye baya kunikelana ekufeni, aze uyise anikele umntwana wakhe, baze nabantwana bavukele abazali, bababulale. Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.” “Ke kaloku, xa nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso,’ lilapho lingamelwe kukuba khona (ofundayo makaqiqe), mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni. Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe. Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe. Hayi ke kwabanzima nabadlezana ngaloo mihla! Thandazelani ukuba oku kungenzeki ebusika, kuba ngaloo mihla kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwendalo nguThixo, kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo. Ke ukuba iNkosi ibingayinciphisanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa iNkosi ithe, ngenxa yabanyulwa abachongwe yiyo, yayinciphisa imihla leyo. “Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha *uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukukholwa kuloo nto; kuba kuya kuvela abathi banguKrestu bengenguye, kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso kangangokuba bade balahlekise nabanyulwa bakaThixo, ukuba oko bekunokwenzeka. Lumkani ke nina! Kaloku ndinixelele ezi zinto zingekenzeki.”