Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 5:1-26

UMATEWU 5:1-26 XHO96

Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe; waza wabafundisa, esithi: “Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona! Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona! Banoyolo abo balulamileyo, kuba baya kwabelwa ihlabathi nguThixo bona! Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona! Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba nguThixo bona! Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona! Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe! Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona! “Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka. Vuyani ke, nigcobe, kuba ninomvuzo omkhulu ezulwini. Kakade babesenjenjalo abantu ukubatshutshisa *abashumayeli ababekho ngaphambi kwenu. ” “Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu. “Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala. Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.” “Ze ningabi ndize kuchitha *umthetho kaMosis nomyalelo *wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa. Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke. Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo. Inene, ukuba anithanga naba ngamalungisa kunabachazi-mthetho *nabaFarasi, soze nibe ngabalawulwa nguThixo. ” “Nivile ukuba kwathiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungabulali;’ kusithiwa: ‘Othe wabulala usisisulu somgwebo.’ Ke mna ndithi kuni, wonke umntu osuka amqumbele uwabo usisisulu somgwebo. Nothi kuwabo: ‘Ntw' ingento,’ usisisulu sokugwetywa yinkundla ephakamileyo. Ke othi: ‘Siyathandini,’ usisisulu sesihogo somlilo. Ke ngoko, ukuba usondeza esibingelelweni into oyinikela kuThixo, wathi ulapho wakhumbula ukuba uwenu unendawo ngakuwe, wushiye apho umnikelo wakho phambi kweqonga lamadini, uhambe uye kuxolisana nowenu kuqala, uze emva koko uwusondeze umnikelo wakho. “Visisana kamsinya nokumangalelayo, usesendleleni kunye naye, hleze ummangaleli wakho akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele epoliseni, uze uphoswe entolongweni. Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”