Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 28:1-15

UMATEWU 28:1-15 XHO96

Wakuba udlule *uMhla woPhumlo, ekuseni ngeCawe, kwafika uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beze kukhangela ingcwaba. Kwasuka kwabakho ukunyikima okukhulu komhlaba, kuba isithunywa seNkosi sehla ezulwini, saza saliqengqa ilitye, sahlala phezu kwalo. Imbonakalo yaso yayinjengombane, izambatho zaso zimhlophe ngokwekhephu. Bathi ke ababegadile basoyika kangangokuba babe njengabafileyo. Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo. Khawulezani ke, niye kubaxelela abafundi bakhe okokuba uvukile kwelabafileyo. Niyabona, uyanandulela ukuya eGalili, apho niya kumbona khona. Nivile ke, ndinixelele.” Bemka ke engcwabeni ngokukhawuleza, babaleka bephethwe luloyiko naluvuyo olukhulu, besiya kuxelela abafundi bakhe. Nanko uYesu ebahlangabeza, ebabulisa. Baza baya kuye, baqubuda, babambelela ezinyaweni zakhe. Waza wathi kubo uYesu: “Sanukoyika. Yiyani kuxelela amawethu ukuba makaye eGalili, apho aya kundibona khona.” Bakuba bemkile abo bafazi, gqi amajoni athile kulawo awayegade ingcwaba, angena esixekweni, axelela ababingeleli abaziintloko konke okwenzekileyo. Ababingeleli abaziintloko bacebisana namadoda amakhulu, baza bathatha imali eninzi, bayinika amajoni lawo, bathi: “Ze nithi abafundi bakhe beze ebusuku, bamba nilele. Ukuba le nto ithe yavakala kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, ningabi naxhala nina.” Amajoni ayithatha loo mali, enza njengoko ayexelelwe. Eli bali ke lasasazwa kumaJuda kwada kwaba namhlanje.