Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 26:26-35

UMATEWU 26:26-35 XHO96

Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.” Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono. Ndithi kuni, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yeediliya, kude kube yiloo mini ndiyisela kunye nani iyentsha kwikomkhulu likaBawo. ” Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Ngelo xesha uYesu wathi kubo: “Ngobu busuku nonke niya kukhubeka ngenxa yam, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha.’ Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.” Waphendula uPetros, wathi kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!” UYesu ke wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, kwangobu busuku, ingekakhali inkuku, uya kundikhanyela kathathu.” UPetros wathi kuye: “Nokuba ndingade ndibe ndiza kufa kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho bonke ke abafundi.