UMATEWU 20:25-28

UMATEWU 20:25-28 XHO96

Waza uYesu wababizela kuye, wathi: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo balawulayo banobukhosi; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya. Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu; abe njengaye *uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”