UMATEWU 15:1-20

UMATEWU 15:1-20 XHO96

Kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho kuYesu, bevela eJerusalem, bambuza besithi: “Kutheni abafundi bakho bengasilandeli nje isithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?” Wabaphendula wathi: “Nina, kutheni ukuba nithi ngenxa yesithethe senu, ningawenzi umthetho kaThixo? Kaloku uThixo wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko,’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe.’ Kanti nina nithi ukuba ubani unento angamnceda ngayo uyise nokuba ngunina, kodwa asuke athi loo nto ingumnikelo kuThixo, akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. Ngokwenjenjalo nithi ngenxa yesithethe senu, nilenze into engento ilizwi likaThixo. Bahanahanisindini, uIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, esithi: “ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo, kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi. ‘Bafumana bendihlonela, kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’ ” UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde. Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto azithetha ziphume kuye ngomlomo ezimngcolisayo.” Basondela kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Uyazi nje ukuba *abaFarasi bakhutyekisiwe yintetho yakho?” Waphendula wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo osezulwini ziya kuncothulwa. Bayekeni; baziinkokheli eziziimfama. Ke ukuba imfama ikhokela enye imfama, ziya kweyela zombini ezindongeni.” Waza uPetros wathi: “Khawusicacisele lo mzekeliso.” UYesu wathi kubo: “Kanti nani nikwanje na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke okungena emlonyeni, kuya esiswini, kuze kulahlwe ngasese? Ke zona izinto ezithethwa ngomlomo, zisuka entliziyweni. Zezo zinto ke ezimenza angcole umntu. Kaloku ziphuma entliziyweni iingcamango ezimbi. Kusentliziyweni apho kuphuma khona ukubulala, ukukrexeza, ubuhenyu, ubusela, ukungqina ubuxoki, nokunyelisa. Zezi zinto ezimenza angcole umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi angcole umntu.”