Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 11:1-28

ULUKA 11:1-28 XHO96

Ke kaloku uYesu wayethandaza ndaweni ithile; kwathi akugqiba, omnye kubafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo ukuthandaza abakhe abafundi.” Wathi ke kubo uYesu: “Xa nithandazayo yithini: “ ‘Bawo, malaziwe lihlonelwe igama lakho; malongame ulawulo lwakho. Hlala usibonelela kwiintswelo zethu zemihla ngemihla; usixolele izono zethu, kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi; ungasiyekeli ekulingweni.’ ” Ke uYesu wathi kubo: “Ukuba ngaba ubani kuni uya kumhlobo wakhe ezinzulwini zobusuku, athi kuye: ‘Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu, kuba ndinomhlobo ophambukele kum eseluhambeni, kanti andinanto ityiwayo ndingamnika yona;’ ngekhe kwenzeke ukuba lowo ungaphakathi aphendule athi: ‘Sukundikhathaza; sendivalile emnyango; mna nabantwana bam sesilele; andinako ukuvuka ndikunike.’ Ndithi kuni, nokuba akayi kuvuka amnike ngakuba engumhlobo wakhe, noko wothi ngenxa yokuzingisa kwakhe ecela, avuke amnike ezo zonka. “Mna ke ngoko ndithi kuni: Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo wovulelwa. Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela intlanzi, asuke amnike inyoka, okanye athi, ecela iqanda, asuke amnike unomadudwane? Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?” UYesu wayekhupha indimoni edala ubumumu emntwini; kwaza kwathi, yakuphuma indimoni, isimumu eso sathetha. Samangaliswa ke isihlwele, kodwa abathile kuso bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.” Abanye babemlinga, befuna umqondiso ophuma ezulwini. Ke uYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyawa, nomzi ovukelana wodwa uyachithakala. NoSathana ke, ukuba okwakhe kuthe kwavukelana kodwa, lothini na ukungonakali ulawulo lwakhe? Nina nithi iindimoni ndizikhupha ngoSathana. Ke ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana, bazikhupha ngabani ke bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo. Ukuba ke iindimoni ndizikhupha ngamandla kaThixo, yazini ukuba ulawulo lukaThixo seluthwasile kuni. “Ukuba igorha lithe laxhoba lafa amacala, lawulinda umzi walo, impahla yalo yohlala igcinakele. Kodwa ukuba kuthe kwafika elinye igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha sonke isikrweqe salo ebelikholose ngaso, liwabe amaxhoba alo. “Lowo ungekho ngakum, uchasene nam; nalowo ungandiqokelelisiyo, uyachitha-chitha.” “Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna ukuphumla; ize yakuba ingakufumani, isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’ Ithi yakufika, iyifumane itshayelwe, ilungisiwe; ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyokuqala.” Ke kaloku ekuzithetheni kukaYesu ezi zinto, kwavakala umfazi esihlweleni apho, esithi kuye: “Unoyolo umfazi owakuzalayo nowakwanyisayo.” Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”