*UNdikhoyo wathi: “Ze ningazenzeli izinto nizinqule, ningaqingqi imifanekiso, okanye nimise iintsika zamatye, nikrole namatye, ze nijike nizinqule ezo zinto. Ndim uNdikhoyo uThixo wenu. Nina gcinani *iMihla yam yokuPhumla, niyihlonele indawo endinqulwa kuyo. Kaloku ndim uNdikhoyo. “Xa nisenza ngokwemimiselo yam, niyithobela imiyalelo yam, ndiya kunipha imvula ngexesha, uze umhlaba wenu uvelise isivuno, nemithi ithwale iziqhamo. Ngexesha enivuna iidiliya niya kuba nisabhula ingqolowa, kwaye iidiliya niya kuzivuna kude kufike ixesha lokuhlwayela ingqolowa kwakhona. Niya kutya nihluthe, nihlale ngokonwaba elizweni lenu. “Ndiya kuzisa uxolo elizweni lenu, nilale ubuthongo obumnandi ningaxhalelanga bani. Amarhamncwa ndowaphelisa kwilizwe lenu, yaye akuyi kube kubekho mfazwe. Utshaba lwenu noluswantsulisa, nilutyakatye ngekrele. Isihlanu nje samadoda enu siya kulichitha-chitha ikhulu lamadoda; ukanti lona ikhulu lamadoda liswantsulise ishumi lamawaka. Ewe, iintshaba zenu nozibhuqa. Ndiya kuba nani, ndinenze nichume nande, niwugcine umnqophiso endawenzayo nani. Soba yintaphane isivuno senu, nikulahle ukutya okudala ukwenzela isivuno esitsha indawo koovimba benu. Mna ndohlala ndihleli phakathi kwenu, ndingaze ndikruquke nini. Ndoba nani, ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. Ndim mna Ndikhoyo uThixo wenu owanikhupha eJiputa ukuze ningabi ngamakhoboka ayo. Ndayaphula loo dyokhwe yobukhoboka, ndanenza abantu abaneqhayiya nebhongo.”
Funda EYONQULO 26
Share
Compare All Versions: EYONQULO 26:1-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos