UYoshuwa wabiza isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi kunye nesiqingatha sesakwaManase sasempuma, wathi: “Nikufezile konke enakuyalelwa sisicaka *sikaNdikhoyo uMosis, nayithobela yonke imiyalelo yam. Unanamhla aniwashiyanga enyanyeni amawenu, koko ninyamekele ukuthobela umthetho kaNdikhoyo uThixo wenu. Ngoku ke uNdikhoyo uThixo wenu uwaphumzile amawenu, njengoko wathembisayo. Ke ngoko godukani niye kumhlaba ongowenu ongakwicala elingasempumalanga yeJordan, lowo nawunikwa nguMosis isicaka sikaNdikhoyo. Kambe maze ninyaniseke ngokupheleleyo ekuwuthobeleni umyalelo nomthetho eniwuwiselwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo, othi: ‘Mthande uNdikhoyo uThixo wakho; mthobele ezintweni zonke, uyigcine imiyalelo yakhe, unamathele kuye, umkhonze ngomxhelo wonke nangomoya wakho wonke.’ ”
Funda UYOSHUWA 22
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UYOSHUWA 22:1-5
2 Weeks
Jesus Himself said anyone who loves Him will obey His teaching. No matter what it costs us personally, our obedience matters to God. The "Obedience" reading plan walks through what the Scriptures say about obedience: How to maintain a mindset of integrity, the role of mercy, how obeying frees us and blesses our lives, and more.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo