UYOSHUWA 16
16
Ummandla owabelwa uEfrayim kunye noManase
1Umda ongezantsi womhlaba owabelwa inzala kaJosefu wawuqala eJordan kufuphi neJeriko, kwindawo eyayikwicala langasempumalanga yemithombo yaseJeriko, wenjenjeya ubhekisa ngasentlango. Wasuka eJeriko walityhutyha eleentaba ukusa eBhetele. 2Ukusuka eBhetele (ekwakuthiwa yiLuzi) wadlulela eAtaroti, apho ayemi khona ama-Arki. 3Wehla wajonga ngasentshona kummandla wamaYafeleti, waya kuma kummandla waseBhete-horon engasezantsi. Wedlula apho ujonge eGezere, waya kuma ngolwandle.
4Lo mhlaba waba lilifa lenzala kaJosefu, izizwe zakwaEfrayim noManase.
UEfrayim
5Nanku ummandla wezindlu zakwaEfrayim: Umda wabo wawusuka eAtaroti-adare ubheke ngasempumalanga eBhete-horon ekumantla, 6usuke apho uye kutsho elwandle. Ngasemantla apho yayiyiMikemetati, kuthi ngasempumalanga yalapho ujike umda ujonge iTanati-shilo, udlule apho kwangasempuma yalapho, ujonge eYanowa. 7Ukusuka apho uyehla ubheke eAtaroti naseNara, ugqithe eJeriko, uye kuma ngeJordan. 8Apho umda wawucanda ngasentshonalanga ukusuka ngaseTapuwa, ubheke kwintlambo iKana, uye kuma ngolwandle. Nguwo ke lowo umhlaba owaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaEfrayim. 9Iidolophu neelali ezazikwimida yakwaManase zanikwa uEfrayim. 10Abazange bawagxothe amaKanana awayemi eGezere. Ahlala ke namaEfrayim kwada kwakaloku amaKanana, kodwa ênza umsebenzi ngokunyanzelwa.
Currently Selected:
UYOSHUWA 16: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.