UYOSHUWA 12
12
Iikumkani ezoyiswa nguMosis
1AmaSirayeli ayesele oyisa awuthimba nomhlaba ongasempumalanga yeJordan, ukususa kuloo ngingqi yeAnon, kunyuse loo ntili yeJordan, kuye kutsho kwintaba iHermon. 2Owokuqala ukumkani owoyiswayo yaba nguSihon umAmori owayelawula ummandla waseHeshbhon. Icala leGiliyadi laliphantsi kwakhe, ukususela eArure (engakumlambo iAnon) nasembindini wengingqi leyo, ukwenjenjeya ukusa eJabhoko (engumda welama-Amon). 3Intili yeJordan ukususela kuLwandle lwaseGalili nayo yayikwalapho, ukusa ezantsi eBhete-yeshimoti (engasempumalanga yoLwandle oluFileyo) kwenjenjeya kuse emazantsi entaba iPisga.
4Woyiswa naye ukumkani uOgi waseBhashan owayengowokugqibela kumaRafa. Wayephethe iAshtaroti kunye ne-Edreyi. 5Intaba iHermon, iSaleka, kunye nayo yonke iBhashan, kuse kwimida yeGeshuri neMahaka, necala leGiliyadi, kuye kutsho kummandla kakumkani uSihon waseHeshbhon, nazo zazikwalawulwa yile kumkani.
6Ezi kumkani zombini zoyiswa nguMosis namaSirayeli. Umhlaba wazo uMosis isicaka *sikaNdikhoyo wawunika isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase.
Iikumkani ezoyiswa nguYoshuwa
7UYoshuwa kunye namaSirayeli bazoyisa iikumkani ezazimi kummandla ongasentshonalanga yeJordan, ukusuka eBhali-gadi kwintili vaseLebhanon kuse kwintaba iHalaki ezantsi kufuphi neSeyire. Wawohlulela izizwe zakwaSirayeli lo mmandla uYoshuwa, ukuba ziwume.
8Nazi iziphaluka zalo mmandla: eleenduli, amazantsi eentaba zasentshona, intili yeJordan namazantsi eentaba zayo, iingingqi zangasempuma, kunye nentlango engasezantsi. Lo mmandla yayingumhlaba wamaHiti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. 9AmaSirayeli oyisa iikumkani zezixeko iJeriko, iAyi (ngaseBhetele), 10iJerusalem, iHebron, 11iYarmuti, iLakishe, 12iEglon, iGezere, 13iDebhiri, iGedere, 14iHoma, iAradi, 15iLibhena, iAdulam, 16iMakeda, iBhetele, 17iTapuwa, iHefere, 18iAfeki, iLasharon, 19iMadon, iHazore, 20iShimron-meron, iAkeshafi, 21iTanaki, iMegido, 22iKedeshe, iYokeneham (eKarmele), 23iDore (elunxwemeni), iGoyim (eGiligali), 24kunye neTirza. Yayingamashumi mathathu ezikumkani zizonke.
Currently Selected:
UYOSHUWA 12: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.