UYOHANE 6:1-40

UYOHANE 6:1-40 XHO96

Kwathi emva koko uYesu waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, olo lukwabizwa ngokuba luLwandle lwaseTibheriya. Wayelandelwe sisihlwele esikhulu, kuba abantu babeyibonile imiqondiso awayenzayo ngokuphilisa abagulayo. UYesu wenyuka endulini, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe. Lalisondela itheko lamaJuda ekuthiwa yiPasika. Kwathi uYesu akukhangela, wabona isihlwele esikhulu sisiza kuye, waza wathi kuFilipu: “Ngaba sinokusithenga phi na isonka esaneleyo sokutyisa le ndimbane?” Esitsho nje, wayevavanya uFilipu, kuba yena wayekwazi oko aza kukwenza. Waphendula uFilipu, wathi: “Ngathi nesonka samakhulu amabini eerandi asingekhe sanele okokuba wonke okhoyo afumane iqhekezana.” Omnye wabafundi bakaYesu, uAndreya, umntakwabo-Simon Petros, wathi kuye: “Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi, neentlanzi ezimbini; kodwa kuyintoni na oko kule nginginya yabantu?” Waza uYesu wathi: “Bahlaliseni phantsi abantu.” Kwakukho ibala elikhulu elinengca apho, baza bahlala phantsi. Inani lamadoda lalikumawaka amahlanu. Wazithatha ke uYesu ezo zonka, wabulela kuThixo, wababela abantu ababehleli phantsi. Wenjenjalo nakwiintlanzi, baza batya banela. Bakuhlutha abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Qokelelani okuseleyo. Makungabikho nentwana emoshakalayo.” Bawaqokelela ke amaqhekeza aseleyo ezo zonka zihlanu zerhasi, kwazala iingobozi ezilishumi elinambini. Bakuwubona abantu lo mqondiso uYesu awenzileyo, bathi: “Ngenene, kuthe kanti nguye lo *umshumayeli obekade elindelwe!” Waqonda uYesu okokuba bazimisele ukuza kumthatha bamenze ukumkani, waza wemka, waya entabeni eyedwa. Kwathi kwakuhlwa abafundi bakaYesu behla baya elwandle, bakhwela isikhitshana, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum. Nangona kwakusebusuku uYesu wayengekho kubo. Amanzi olwandle ayesilwa, kuba kwakuvuthuza umoya. Kwathi, bakuba begqibe iikhilomitha ezintlanu okanye ezintandathu bebheqa isikhitshana, babona nanko uYesu ehamba phezu kwamanzi olwandle, esondela. Boyika ke, kodwa uYesu wathi kubo: “Ndim; sanukoyika.” Bamamkela ke esikhitshaneni, kwathi kwangoko isikhitshana safika kuloo ndawo babesiya kuyo. Ngengomso indimbane yabantu yayisekho ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Abantu aba babebone isikhitshana sasinye kuphela, baye babesazi okokuba uYesu wayengakhwelanga nabafundi bakhe, kuba bona babehambe bebodwa. Kodwa ezinye izikhitshana, ezazivela eTibheriya, zafika ngakuloo ndawo isihlwele sasityela kuyo isonka emva kokuba iNkosi yayibulele. Yakubona ke indimbane okokuba uYesu akakho apho, bengekho nabafundi bakhe, yakhwela kwezo zikhitshana, yaya kumfuna eKapernahum. Abo bantu bamfumana uYesu ngaphesheya kolwandle, bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?” Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha. Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.” Ke ngoko bathi kuye: “Misebenzi mini uThixo afuna siyenze?” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.” Ke bona bathi kuye: “Wena ngaba wenza mqondiso mni na, ukuze sibone sikholwe kuwe? Yintoni oyenzayo? Oobawo bâtya *imana entlango, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: ‘Wabanika batya isonka esivela ezulwini.’ ” Wathi ke uYesu kubo: “Ndithi kuni, inene, asinguye uMosis owaninika isonka esivela ezulwini; nguBawo oninika esona sonka sisiso esivela ezulwini. Isonka esivela kuThixo ngulowo wehlayo evela ezulwini, eze kulinika ubomi ihlabathi.” Baza bathi kuye: “Nkosi, uzungadinwa nanini na ukusipha eso sonka.” Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe. “Ke nina, njengoko senditshilo, nindibonile nokundibona, naza noko anakholwa. Bonke endibanikwe nguBawo, baya kuza kum. Ke lowo uzayo kum andingekhe ndingamamkeli, kuba ndehla ezulwini ndingezanga kwenza eyam intando, koko ndize kwenza intando yalowo wandithumayo. Intando yalowo wandithumayo kukuthi kungalahleki namnye kwabo andinika bona, koko ndibavuse ekufeni bonke ngomhla wokugqibela. Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.”