Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 19:1-16

UYOHANE 19:1-16 XHO96

Waza uPilato wayalela ukuba uYesu makakatswe. Amajoni oluka isithsaba sameva, amfaka sona entloko, amambathisa ngengubo ebomvu, amana esithi kuye: “Aa! Kumkani wamaJuda!” Aza ambetha. Waphinda uPilato waphuma, wathi kumaJuda: “Niyabona, ndimzisa kuni, ukuze niqonde ukuba andifumani tyala kuye konke.” Waphuma ke uYesu, ethwele isithsaba sameva, ambethe ingubo ebomvu. UPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke!” Bakumbona ababingeleli abaziintloko nabagadi *bendlu kaThixo badanduluka besithi: “Bethelela emnqamlezweni! Bethelela emnqamlezweni!” Waza wathi kubo uPilato: “Mthatheni ngokwenu, nimbethelele emnqamlezweni, kuba mna andifumani tyala kuye.” Amphendula amaJuda athi: “Thina sinomthetho; yaye umelwe kukuba afe ngokwalo mthetho, kuba ezenza uNyana kaThixo.” Akuyiva loo nto uPilato, wothuka ngakumbi, waphinda wangena ngaphakathi, wathi kuYesu: “Uvela phi wena?” Kodwa uYesu akamphendulanga. UPilato wathi kuye: “Akufuni kundiphendula? Uyaqonda na ukuba ndinegunya lokukukhulula, ndinako nokukubethelela emnqamlezweni?” Waphendula uYesu wathi: “Ngewungenagunya kum mpela ukuba ubungalinikwanga nguThixo. Ngoko ke oyena unetyala ngulowo undizise kuwe.” UPilato kwaba kukhona afuna ukumkhulula, kodwa amaJuda adanduluka esithi: “Ukuba uyamkhulula lo mntu, uya kuba akukho *ngakuKhesare. Kaloku umntu ozenza ukumkani, uchasa uKhesare.” Akuyiva le nto, uPilato wamkhuphela ngaphandle uYesu, waya kuchopha esihlalweni sokugweba, endaweni ekuthiwa nguMgangatho waMatye, ngesiHebhere kuthiwa yiGabhata. Ke kaloku kwakusemini enkulu ngomhla owandulela *iPasika, waza uPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke ukumkani wenu.” Ankqangaza athi: “Msuse! Msuse! Mbethelele emnqamlezweni!” Wathi kuwo uPilato: “Nifuna ndimbethelele emnqamlezweni ukumkani wenu?” Ababingeleli abaziintloko bathi: “Mnye qha ukumkani wethu: nguKhesare.” Waza ke uPilato wabavumela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni.