Emva kwalo mthandazo uYesu wawelela ngaphesheya komlanjana iKedron, ehamba nabafundi bakhe. Kwakukho igadi kuloo ndawo; uYesu wangena kuyo kunye nabafundi bakhe. UJudas, umngcatshi wakhe, naye wayeyazi loo ndawo, kuba uYesu nabafundi bakhe babedla ngokuhlangana kuyo. Ke ngoko uJudas waya kuloo ndawo, ehamba neqela lamajoni nabagadi bendlu kaThixo, bephethe izibane, nezikhuni ezivuthayo, nezikhali, bethunywe ngababingeleli abaziintloko nabaFarasi. UYesu ekwazi konke okwakuza kumhlela, wabakhawulela, wathi: “Nifuna bani?” Baphendula bathi: “UYesu waseNazarete.” Wathi ke kubo: “Ndinguye.” UJudas umngcatshi wayemi kunye nabo. Akuba uYesu ethe: “Ndinguye,” babuya umva, bawa phantsi. Wababuza kwakhona uYesu esithi: “Nifuna bani?” Bona bathi: “UYesu waseNazarete.” Wathi uYesu: “Nditshilo ukuba ndinguye. Ke ukuba nifuna mna, bayekeni bazihambele aba.” Esitsho nje wayesenzela ukuba lizaliseke ilizwi awalithethayo kuYise esithi: “Bawo, akudukanga namnye kwabo wandinika bona.” Kuthe ke ngoko uSimon Petros enekrele walirhola, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasisusa indlebe yasekunene. Igama lesicaka eso lalinguMalko. Wathi ke uYesu kuPetros: “Faka ikrele lakho esingxotyeni salo. Le ntlungu ndiyibekelwe nguBawo. Ndiya kuthini ke ukungayamkeli!” Ke ngoko elo qela lamajoni, linomphathi walo, kwakunye nabagadi *bendlu kaThixo ababethunywe ngamaJuda, bambamba uYesu, bambopha izandla. Kuqala bamsa kuAnas, kuba wayenguyise womka-Kayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka. Ngulo Kayafa ke lo owacebisa amaJuda ngelithi kulungile ukuba umntu omnye afele abantu bonke.
Funda UYOHANE 18
Share
Compare All Versions: UYOHANE 18:1-14
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos