Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 12:12-19

UYOHANE 12:12-19 XHO96

Ngengomso indimbane yabantu ababeze kwitheko *lePasika, yeva okokuba uYesu uyeza eJerusalem, yaxhuzula amasebe emithi yamasundu, yamhlangabeza, yakhwaza isithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani wakwaSirayeli!” UYesu wafumana idonki eselula, wakhwela kuyo, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: “Sukoyika, sixeko saseZiyon. Khangela, uKumkani wakho uza kuwe ekhwele idonki, ithole lento ebotshwayo.” Abafundi bakhe abazange bayiqonde le nto kuqala, kodwa kwathi akuba uYesu evukile ekufeni, bakhumbula okokuba iziBhalo ziyakuxela oku, bakhumbula nokokuba bamenzele oku kanye. Abantu ababekho oko uYesu wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, emvusa ekufeni, babebabalisela abanye ngaloo nto. Ke ngoko indimbane yaya kumhlangabeza uYesu, kuba yayivile ngokwenza kwakhe loo mqondiso. Baza *abaFarasi bathethana besithi: “Khangelani, yeyele ngomkhono! Nanko elandelwa lilizwe lonke!”