UJEREMIYA 24
24
Iingobozi ezimbini zamakhiwane
1*UNdikhoyo wandibonisa iingobozi ezimbini zamakhiwane zibekwe ngaphambi kwendlu kaNdikhoyo. Le nto yehla emveni kokuba ukumkani uJekoniya unyana kaJoyakim, kunye neziphathamandla, namagcisa, nabasebenzi bentsimbi bakwaJuda, bathinjwayo ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, ebasusa eJerusalem, ebasa eBhabheli. 2Enye ingobozi yayinamakhiwane amahle kunene, la avuthwa kuqala; enye inamakhiwane amabi kakhulu, angenakutyiwa.
3*UNdikhoyo wathi kum: “Jeremiya, ubona ntoni na?”
Mna ndithe: “Ndibona amakhiwane. Amahle mahle gqitha; amabi mabi mpela – zizinto ezingenako nokutyiwa oku.”
4Livakele lisithi ke kum ilizwi likaNdikhoyo: 5“Utsho ke uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Abathinjwa bakwaJuda endabasusa kweli lizwe ndabasa kwelamaKaledi ndibafanisa nala makhiwane mahle. 6Ndiya kuhlala ndibabonelela, ndibabuyisele kwalapha. Ndiya kubakha, ndingabachithi; ndiya kubamilisela, ndingabancothuli. 7Ndobafaka intliziyo endiqondayo, bazi ukuba uNdikhoyo ndim. Baya kwandula ke ukuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, kuba kaloku bobuyela kum ngomxhelo wabo wonke.
8“Kodwa yena ukumkani wakwaJuda uZedekiya neziphathamandla zakhe, namasalela eJerusalem, nokuba alapha okanye aseJiputa, bona ndibafanisa nala makhiwane mabi, angenako nokutyiwa oku.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 9“Ndiya kubatsho babe nomdintsi nezothe kulo lonke ilizwe. Baya kuba zizinto ezisisingcikivo, ezilihlazo nentlekisa, babe sisiqalekiso naphi na apho ndibachitha-chithela khona. 10Ndiza kubahlisela ikrele nendlala nobhubhani, bade baphele nya kweli lizwe ndalinika bona nooyise-mkhulu.”
Currently Selected:
UJEREMIYA 24: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.