Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi *uNdikhoyo, kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile. Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu, ndibophe abantliziyo zingamahlwili, ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa, ndazise inkululeko kumabanjwa. Undithume ukuba ndivakalise ndithi uthwasile unyaka wobabalo lukaNdikhoyo, umhla wempindezelo yoThixo wethu. Uthi mandithuthuzele abo banesingqala; ewe, abo banesingqala eZiyon mandibathi jize ngesithsaba endaweni yezimnyama, intambiso yolonwabo endaweni yokulila, ndibathi wambu ngengoma yochulumacho endaweni yomva-ndedwa. Kaloku bona kothiwa bayimithi yobulungisa, imithi etyalwe nguNdikhoyo ngokwakhe, ukuze baphuhlise isihomo sakhe.
Funda UISAYA 61
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UISAYA 61:1-3
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo