*UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona. “Ndiza kukunika inzala eninzi, eya kuba sisizwe esikhulu; ndikunike amathamsanqa, libe nodumo igama lakho, ube lithamsanqa nakwabanye. Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa, ndibaqalekise abo bakuqalekisayo. Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.” Wanduluka ke uAbram eHaran ngokomyalelo kaNdikhoyo. Wayemashumi asixhenxe anantlanu ubudala. ULothe naye wahamba kunye noAbram.
Funda EYEZIQALO 12
Share
Compare All Versions: EYEZIQALO 12:1-4
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos