IGENESIS 12:1-4
IGENESIS 12:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendiwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona; ndikwènze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo; ndibasikèlele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi. Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanu ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.
IGENESIS 12:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
*UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona. “Ndiza kukunika inzala eninzi, eya kuba sisizwe esikhulu; ndikunike amathamsanqa, libe nodumo igama lakho, ube lithamsanqa nakwabanye. Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa, ndibaqalekise abo bakuqalekisayo. Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.” Wanduluka ke uAbram eHaran ngokomyalelo kaNdikhoyo. Wayemashumi asixhenxe anantlanu ubudala. ULothe naye wahamba kunye noAbram.
IGENESIS 12:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uYehova kuAbram, Lishiye ilizwe lakowenu, nendlu yakho, nendlu kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona. Ndiya kukwenza uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho; kwaye uya kuba nethamsanqa. Yaye ndiya kumsikelela okusikeleleyo, lowo ukuqalekisayo ndimqalekise; zisikeleleke ngawe zonke izizukulwana zehlabathi. Wemka uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; uLote wahamba naye, yaye uAbram wayeneminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu ubudala ekuphumeni kwakhe kwelakwaHaran.
IGENESIS 12:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU UYEHOVA ebetshilo ku‐Abrame ukuti: Hamba, umke elizweni lakowenu, nasesalamaneni sako, nasendlwini kayihlo, uye elizweni endiya kukubonisa lona. Ndaye ndiya kukwenza ube sisizwe esikulu, ndikutamsanqele, ndilenze likulu igama lako; uze ube litamsanqa ke. Ndandiya kutamsanqela abo abatamsanqela wena, nalowo okuqalekisayo ndiya kuqalekisa yena; kanjalo ziya kutanyusanqelwa ngawe zonke izizalwane zomhlaba. Waza wemka u‐Abrame, njengokuba ebetetile kuye UYEHOVA; wahamba naye no‐Lote: waeyiminyaka engamashumi asixe̔nxe anamihlanu u‐Abrame ubudala bake, akupuma e‐Karane.