UHEZEKILE 27
27
Isililo ngenxa yeTire
1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, yitsho isililo ngenxa yeTire. 3Xelela iTire elisango laselwandle, yona erhweba neentlanga eziselunxwemeni, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:
“Wena Tire, uthi:
‘Andimhle, ndincamisile!’
4Imida yakho ibiselwandle;
ubuhle bakho obuyimbalasane benziwe ngabakwakhileyo.
5Baxoze imipayini yaseSenire,
bakha wena ngayo;
bagawule imisedare yaseLebhanon,
baxhoma amalaphu enqanawe kuyo.
6Baxoze imioki yaseBhashan,
benza ngayo amaphini okugwexa;
imisipresi yonxweme lwaseKiti
luphahla lwakho lwenqanawe,
oluhonjiswe ngomxhaka weendlovu.
7Intshinga eluphawu owaziwa ngalo
yilinen ecikizekileyo yaseJiputa ekuphehlayo;
amaphempe akho azuba
ngawelaphu lonxweme lwase-Elisha.
8Abagwexi-nqanawe zizigantsontso zaseSidon naseArvadi;
iincutshe zoomatiloshe baselwandle ziphuma kuwe, Tire.
9Amachule aseGebhali ahlala ekho kuwe,
elindele ukutywina iindawo ezivuzayo.
Zonke iinqanawe noomatiloshe zingqonga wena, ziko lorhwebo.
10“Umkhosi wakho unezixhipholo zamadoda,
nditsho awasePeshiya, eLidiya, nasePuti.
Axhome amakhaka neminqwazi ekhuselayo ezindongeni zakho,
aphuhlisa ubuqaqawuli bakho.
11Macala onke eendonga zokhuselo
kumi amadoda aseArvadi naseHeleki;
kwimibhontshontsho yookhala ngamadoda aseGamade.
Amakhaka awo axhonywe ezindongeni zakho,
batsho bayimbalasane ubuhle bakho.
12“AbaseTashishe barhweba nawe ngenxa yentaphane yempahla, bakuphathele isiliva, isinyithi, itini, nelothe, ukuze bazuze impahla orhweba ngayo.
13“Barhwebile nawe abelamaGrike, abaseTubhali nabaseMesheki; bakuphathele amakhoboka nempahla yesinyithi ukuze bafumane into orhweba ngayo.
14“Amadoda aseBhete-togarma azise amahashe okusebenza nawemfazwe, neemeyile, ukuze azuze impahla yakho yorhwebo.
15“Amadoda aseDedan arhwebile nawe, waza wathengisela namazwe amaninzi aselunxwemeni; akuhlawule ngeempondo zeendlovu nangomthi omnyama oxatyisiweyo.
16“Uthengiselene neAram ngenxa yenkitha yemveliso yakho. Yona ikunike itekoyisi, ilaphu elimsobo, imbroda, ilinen ecikiziweyo, ikhorali, neerubhi, ukuze izuze impahla orhweba ngayo.
17“Barhwebile nawe abakwaJuda nabakwaSirayeli; bakuphathele ingqolowa yaseMiniti nezimuncu-muncu, ubusi, amafutha, namachiza, bazuza izinto orhweba ngazo.
18“Ngenxa yentaphane yemveliso yakho nobutyebi bakho abaseDamasko bathengise ngewayini yaseHelbon noboya baseZaware.
19“Ayithengile impahla yakho amaDan namaGrike aseUzali. Akuphathele intsimbi, ikasiya, nekalamo.
20“IDedan irhwebe ngezingqwashu.
21“Babengabathengi bempahla yakho abelama-Arabhu nazo zonke iinkosi zaseKedare. Bakuzisele amatakane eegusha, neenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.
22“Uthengiselene nabarhwebi baseShebha nabaseRama. Ukuze bafumane impahla yakho bathengise ngezona-zona zinongo, nawona-wona matye anqabileyo, nangegolide.
23“Uthengiselene nabarhwebi baseHaran, Kane, Eden, Sheba, Ashure, nabaseKilmadi. 24Phaya emarikeni nirhwebe ngezambatho ezihle, ilaphu elizuba, imbroda, izicangca ezimabala-bala ezimitya iphothiweyo yanamanquma.
25“Izithuthi zempahla yakho yorhwebo ziinqanawe zaseTashishe.
Uyasindeka ngumthwalo enzonzobileni yolwandle.
26Abagwexi-nqanawe bakho bacanda iilwandle ngawe.
Kambe umoya wasempumalanga wokuqhekeza phakathi elwandle.
27Ubutyebi bakho,
impahla orhweba ngayo,
oomatiloshe neencutshe zolwandle,
namagcisa okuvala iintanda,
abarhwebi namajoni akho,
nabo bonke abangaphakathi,
baya kuzika enzonzobileni yolwandle mhla waqhekeka.
28Ziya kunxunguphala izizwe ezima ngaselunxwemeni,
zisothuswa sisijwili soomatiloshe bakho.
29Bonke abagwexi baya kusaba enqanaweni;
oomatiloshe namachule eenqanawe baya kuma bhuxe elunxwemeni.
30Baya kukhala ngezwi elikhulu,
besenza isijwili esikrakra ngenxa yakho.
Intloko yabo baya kuyigalela uthuli,
baziqika-qike eluthuthwini.
31Ngenxa yakho baya kucheba iinwele zabo,
banxibe irhonya.
Baya kukulilela ngomoya owonakeleyo,
bazile bekrakra.
32Baya kwenza isijwili,
bazile ngenxa yakho.
Baya kwenza isililo ngawe, bathi:
‘Ngubani na owakhe wathuliswa njengeTire emi elwandle?’
33Wawuzanelisa izizwe ezininzi ngexesha owawurhweba phesheya kolwandle;
ubutyebi bakho, nempahla yakho yatsho zatyeba iikumkani zehlabathi.
34Ngokunje lukuqhekezile ulwandle, usenzonzobileni yamanzi;
impahla yakho namahlakani akho bazike kunye nawe.
35Bonke abemi bonxweme ubothusile;
iikumkani ziyathuthumela, zitsho zaxweba kukoyika.
36Abarhwebi bezizwe bayakunyevulela;
usuke waba sisoyikiso, watsho ngesiphelo esibi.”
Currently Selected:
UHEZEKILE 27: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.