EYEMFUDUKO 10:13-14

EYEMFUDUKO 10:13-14 XHO96

UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, wawangawangisa ngayo, waza ke uNdikhoyo wathumela umoya wasempuma, wabhudla loo mini yonke nobusuku bayo. Kwathi kusisa kwaye sekunyakazela ziinkumbi kulo lonke elaseJiputa. Zafika zilibubu, zanyakazela kulo lonke elaseJiputa neziphaluka zalo. Ezingako zona zazingazange zabonwa ngaphambili, zaye zingasoze zibonwe nanini na!