Mna Pawulos, *umthunywa kaKrestu Yesu ngokuthanda kukaThixo, ndibhalela abantu bakaThixo [abahlala e-Efese,] abakholwayo kuYesu Krestu. Ndithi: Wanga uThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu, anganenzela isisa, aniphe uxolo. Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu. UThixo wasinyula ngoKrestu kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi, ukuze sibe ngabantu bakhe abangenasiphako ngenxa yothando. UThixo akuba ethandile wagqiba kwangaphambili ukuba asenze oonyana bakhe ncakasana ngoYesu Krestu. Ngoko ke masimdumise uThixo ngenxa yesisa sakhe esisodwa asenzele sona ngoNyana wakhe oyintanda! Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa asenzele sona uThixo ngokusazelelela. Kaloku kwakholeka kuThixo ukusityhilela icebo lakhe athande ukulifezekisa ngoKrestu. Eli cebo lithwasisa ukufezekiswa kwamaxesha ngenjongo yokubandakanya kuKrestu zonke izinto, ezisezulwini nezisemhlabeni. Ngenene sifumene isabelo selifa lethu ngokumanywa noKrestu. UThixo owenza zonke izinto ngokwezigqibo necebo lakhe wasinyulela elo lifa kwantlandlolo. Kuba kaloku yintando yakhe ukuba kuthi ngenxa yethu, thina sathembela kuKrestu kuqala, kuvakaliswe indumiso yesidima sakhe. Nani ke, nimanywe noKrestu nje, nizivile iindaba ezimnandi, ezichaza ngenyaniso yosindiso, nazamkela. Ke ngoko uThixo waniphawula ngoMoya oyiNgcwele owathenjiswayo. Lo Moya ke usisiqinisekiso selifa lethu esiya kulifumana lakufika ixesha lenkululeko yemilowo yakhe, ukuze kubongwe kudunyiswe isidima nesithozela sikaThixo! Ngenxa yezi zinto ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kuYesu iNkosi yethu, nangendlela eniluthanda ngayo lonke usapho lukaThixo
Funda KWABASE-EFESE 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: KWABASE-EFESE 1:1-15
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo