UDANIYELI 8

8
Inkunzi yegusha neyebhokhwe
1Ke kaloku xa ukumkani eBhelshazare wayekunyaka wesithathu elawula, ndaphinda mna Daniyeli ndanomnye umbono emva kwalaa mbono wokuqala. 2Kulo mbono ke ndazifumana ndikwisixeko esinqatyisiweyo iShushan, esithilini sase-Elam. Ndabona ndimi phezu komlambo iUlayi. 3Apho ke phezu kwaloo mlambo ndabona nantso inkunzi yegusha eneempondo ezimbini ezinde kunene. Olunye lwazo ke lwalulude kunolunye, kodwa lona lwaluphume mva. 4Le nkunzi ke ndayibona ilekuza ngezo mpondo, ibhekisa ngasentshona, ngasentla, nangasezantsi. Ewe, kwakungekho silwanyana sinako ukumelana nayo, kungekho ndlela yakusinda kuyo. Yayisenza unothanda, isiba nkulu ngokuba nkulu.
5Ke kaloku ndathi ndisacamanga ngalo mbono, suka kwathi gqi inkunzi yebhokhwe entshonalanga, icanda lonke elimiweyo, iqakatha ngokungathi amanqina akafiki emhlabeni. Yayinogqajolo lophondo, lulapha phakathi kwamehlo. 6Yasinga kulaa nkunzi yegusha ineempondo ezimbini ndandiyibone imi phezu komlambo, yangqala kuyo ngamandla inoburhalarhume. 7Hayi ke, yayihlasela inomsindo, iyingquba kangangokuba yazaphula ezo mpondo zenkunzi yegusha zombini. Inkunzi yegusha yayingenawo amandla okumelana nayo. Yakhahlelwa phantsi inkunzi yegusha leyo, yanyhashwa ngamanqina, kungekho bani unokuyihlangula emandleni enkunzi yebhokhwe.
8Le nkunzi yebhokhwe yakhula yaba nkulu ngokugqithisileyo. Ke, xa yayisencotsheni yamandla ayo, suka lwantlekeka lwaphuka shwaqa olo gqajolo lophondo lwayo. Endaweni yalo ke kwaphuma ezinye iimpondo ezingayiwayo zane, zikhangele kwiimbombo zone zehlabathi. 9Kolunye lwezi mpondo kwantshula olunye uphondo olwaqala luluncinane, lwaza lwakhula lwabhekisa ngasezantsi nangasempuma nangakwilizwe eliliqhayiya. 10Lwakhula ke lwafikelela nakumkhosi wezulu, lwayikhahlela phantsi emhlabeni inxalenye yeenkwenkwezi layinyhasha. 11Ewe, lwada lwafunza kuyo neNjengele yomkhosi wezulu, latsho lawaphelisa namadini atshiswayo enzelwa yona imihla ngemihla. Ewe kaloku, lada laxabhela nendawo eyingcwele yayo. 12Ngenxa yovukelo yolu phondo umkhosi wezulu wanikezelwa kulo, xeshikweni amadini atshiswayo emihla ngemihla lwawaphelisayo, luluphosa phantsi unqulo lokwenene. Ewe, lwaba nempumelelo kuyo yonke into oluyenzayo.
13Ke kaloku ndeva izithunywa zezulu zithetha, esinye sibuza sisithi: “Yoba lixesha elingakanani na ukuze ezi zinto zikulo mbono zizaliseke? Nditsho lo mbono malunga nokupheliswa kwamadini atshiswayo emihla ngemihla, novukelo oluphanzisayo, nokuxovulwa ngeenyawo komkhosi wezulu nendawo eyingcwele.”
14Sathi kum: “Koba kukuhlwa nokusa okungamawaka amabini anamashumi amathathu ukuze indawo eyingcwele ihlanjululwe ibuyele kundalashe.”
UGabriyeli uchaza umbono
15Ke kaloku mna Daniyeli ndathi ndisacamanga ngalo mbono, ndifuna ukuqonda intsingiselo yawo, suka ndabona into embonakalo ngathi yindoda imi apho phambi kwam. 16Kananjalo ndeva ilizwi lomntu likhwaza apho emlanjeni iUlayi lisithi: “Gabriyeli, mxelele lo mntu intsingiselo yaloo mbono.” 17Ngenene ke uGabriyeli weza kweli cala ndimi kulo, kwathi esiza njalo mna ndasuka ndawa ndacambalala emhlabeni ndisoyika.
Ke yena wabhekisa kum wathi: “Mntundini, yazi ukuba lo mbono ubhekiselele kwixesha lesiphelo.” 18Ngelo xesha athethayo ke mna ndandilele tywaa zisemkile! Ngoko ke yena wandibamba wandichukumisa ndema ngeenyawo, 19wathi: “Ndikubonisa izinto eziya kwenzeka ngomhla wokugqibela wengqumbo kaThixo. Kaloku lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo lesiphelo.
20“Laa nkunzi yegusha uyibonileyo impondo-mbini imele ookumkani bamaMedi nabamaPeshiya. 21Yona inkunzi yebhokhwe exhonti imele ookumkani bamaGrike. Olwaa gqajolo lophondo luphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala wawo. 22Eziya mpondo zine ziphumileyo lwakuba lwaphukile oluya lokuqala, zimele imibuso emine eya kuphuma kulawulo lokumkani wokuqala. Yona ke iya kuba nganeno kwalo wokuqala ngokomelela.
23“Uyabona ke, kuya kuthi xa ulawulo lwaloo mbuso lusiya esiphelweni, xa uvukelo selufikele encotsheni, kuvele ukumkani obuso bungwanyalala, oyincutshe yamaqhinga. 24Uya kukhula omelele, kodwa engakwenzi oko ngawakhe amandla. Uya kwenza intshabalalo engathethekiyo; konke akwenzayo kophumelela. Kwanâbo bomeleleyo uya kubatshabalalisa, nditsho kwanabantu abangcwele abalusapho lukaThixo. 25Uya kuphumelela ngamaqhinga, amandla akhe abe bubuqhetseba. Uya kuba ngumfo ozingcayo, abatshabalalise abantu abaninzi bengakulindelanga oko. Uya kuvukela nditsho neTshawe lamatshawe; kambe ke uya kutshatyalaliswa, phofu kungengasandla samntu. 26Ke kaloku lo mbono malunga nokuhlwa nokusa, lo uwutyhilelweyo, uyinyani. Kambe ke wena uze ungawudizi; uthetha ngemihla esekude ezayo.”
27Ke mna Daniyeli ndatsho ndaphelelwa ngamandla, ndaba neentsukwana ndigula. Phofu ke ndabuya ndaphakama ndaya kumsebenzi wam endandiwuphathiswe ngukumkani. Kambe ke ndahlala ndikhwankqisiwe ngulo mbono kungekho bani unokuwuqonda.

Currently Selected:

UDANIYELI 8: XHO96

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena