UDANIYELI 8:24-25

UDANIYELI 8:24-25 XHO96

Uya kukhula omelele, kodwa engakwenzi oko ngawakhe amandla. Uya kwenza intshabalalo engathethekiyo; konke akwenzayo kophumelela. Kwanâbo bomeleleyo uya kubatshabalalisa, nditsho kwanabantu abangcwele abalusapho lukaThixo. Uya kuphumelela ngamaqhinga, amandla akhe abe bubuqhetseba. Uya kuba ngumfo ozingcayo, abatshabalalise abantu abaninzi bengakulindelanga oko. Uya kuvukela nditsho neTshawe lamatshawe; kambe ke uya kutshatyalaliswa, phofu kungengasandla samntu.