UJowabhi waxelelwa kwathiwa: “Uyabona, ukumkani uzilile, elilela uAbhasalom.” Ngaloo mini uvuyo loloyiso lwajika lwaba lusizi kuwo wonke umkhosi kaDavide, kuba eva kusithiwa: “Ukumkani uzilile ngenxa yonyana wakhe.” Loo mkhosi wabuyela edolophini unyoshoza oku komkhosi obaleke edabini. Wazigquma ubuso ukumkani, watsho esikrakra isikhalo, esithi: “Yini umntwana wam uAbhasalom! Abhasalom, nyana wam, nyana wam!” Wasuka uJowabhi, waya endlwini kakumkani, wafika wathi kukumkani: “Namhlanje uwaphoxile amadoda omkhosi wakho, nditsho amadoda asindise ubomi bakho, ubomi boonyana neentombi zakho, nabafazi bakho namaqadi akho. Abo bakuthiyileyo uyabathanda, uze abo bakuthandayo ubathiye. Kucace gca ukuba izinxiba-mxhaka zakho kwakunye namadoda omkhosi akuzikhathalele. Ndiyabona ukuba namhlanje ngewuvuya ukuba ebengafanga uAbhasalom, kufe thina endaweni yakhe. Hamba ke ngoku, uye kuthetha nawo uwancome la madoda, kuba ngomso kusasa kobe kungekho nanye kuwo ehamba nawe, xa ungayenzanga loo nto. Ndifunga *uNdikhoyo! Loo nto ke yoba lelona shwangusha wakha wanalo ebomini bakho ukususela ebutsheni bakho ukuza kuthi ga ngoku.” Usukile ukumkani, waya kuhlala ngasesangweni lesixeko. Axelelwa onke amadoda kwathiwa: “Ukumkani uhleli ngasesangweni.” Abuthelana ngakukumkani ke amadoda omkhosi wakhe.
Funda 2 KASAMWELI 19
Share
Compare All Versions: 2 KASAMWELI 19:1-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos