Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

1 KWABASEKORINTE 11:16-34

1 KWABASEKORINTE 11:16-34 XHO96

Kodwa ke ukuba kukho ofuna ukuwuphika lo mbandela, ndingasuka ndithi, mna kwanalo ibandla likaThixo, akukho siko limbi sinalo thina enkonzweni. Nantsi indawo endingenakunincoma ngayo: ezintlanganisweni zenu anihlanganeli kwakhana, koko nisuka none. Ndawo yokuqala, ndivile ukuba kwezi nkonzo zenu nahluka-hlukene, ibe ke ndiyaqonda ukuba loo nto ngahle ibe injalo. (Kambe yona iyantlukwano ilindelekile, ukuze kucace abo basendleleni nabo banxaxhayo.) Ukuhlangana kwenu enkonzweni anihlanganeli kwenza umthendeleko weNkosi kuba omnye uzityela yedwa, baze abanye basale belambile ngeli lixa abanye benxila. Aninamakhaya apho ningatya nisele khona? Mhlawumbi ngaba nilidelile ibandla likaThixo, nihlaza abo basweleyo nje? Nilindele ukuba ndithini ngale nto? Ngaba nilindele ukuba ndinincome? Nakanye! Kaloku le mfundiso ndaninika yona, mna ndayamkela kuyo iNkosi: Le yokuba iNkosi uYesu ngobusuku eyanikelwa ngabo yathatha isonka, yabulela yasiqhekeza, yathi: “Ngumzimba wam lo; thathani. Ze nenjenje ke ukundikhumbula.” Kwangokunjalo yayithatha nayo indebe emva kokuba kutyiwe, yathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa ngokuphalala kwegazi lam. Ngamaxesha onke niyisela mayinikhumbuze ngam.” Kuba kaloku ngamaxesha onke nisitya esi sonka, niyisela le ndebe, nivakalisa ukufa kweNkosi, ide ibuye. Ngoko ke lowo usityayo esi sonka, ayisele indebe yeNkosi, engafanelekanga, woba netyala ngomzimba negazi leNkosi. Makazicikide ke ngoko ngokwakhe umntu, aze ke asitye isonka eso, ayisele nendebe leyo; kuba lowo utyayo asele, uzityela aziselele umgwebo ukuba akawuphicothi ngokufanelekileyo umzimba weNkosi. Lo ngunobangela wokuba babe baninzi phakathi kwenu ababuthathaka nabayimilwelwe, ngokunjalo nasebefile. Ukuba besizicikida ngeba asigwetywa; kodwa ke sisohlwaywa nje, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singagwetywa kunye nehlabathi. Ngoko ke, mawethu, xa nihlangana esidlweni seNkosi lindanani. Ukuba kukho olambileyo, makaqale atye ekhaya, ukuze ukuhlangana kwenu kunganizeli nokugwetywa. Eminye imicimbi ndoyiphonononga ndakuba ndifikile apho.