UZEFANIYA 3
3
Isono seYerusalem nobulungisa bukaThixo
1Yeha, umzi oneenkani, ongcolileyo, oxinzelela phantsi! 2Awuphulaphulanga lizwi; awamkelanga ngqeqesho; awukholosanga ngoYehova, awusondelanga kuThixo wawo. 3Abathetheli bawo phakathi kwawo baziingonyama ezibharhulayo; abagwebi bawo baziingcuka zangokuhlwa, ezingabeki nto ukuze ziyigunuze kwakusa. 4Abaprofeti bawo bayaxhaphazela, ngamadoda anginizayo; ababingeleli bawo bayayihlambela ingcwele, bagonyamela umyalelo. 5UYehova ulilungisa esazulwini sawo; akenzi ngabugqwetha; imisó ngemisó ukumisa emhlotsheni okusesikweni kwakhe, angasileli; ke yena onobugqwetha akakwazi ukudana.
6Ndizinqámle iintlanga, zichithakele iingqoqo zezindlu zazo. Ndizonakalisile izitrato zazo, ukuba kungabikho udlula ngazo; idilikile imizi yazo, ukuba kungabikho mntu, kungabikho umiyo kuyo. 7Ndathi kodwa, Mawundoyike, uyamkele ingqeqesho, lingànqanyulwa ikhaya lakho, njengako konke endakumisela khona; ke bavuka kusasa, bonakalise ngeentlondi zabo zonke.
Ukubuyiswa kwamasalela kaSirayeli
8Ngako oko yilindeleni kum, utsho uYehova, ide ibe yimini yokuvuka kwam, ndithimbe. Ngokuba kulunge kum ukuhlanganisa iintlanga, ndibuthe izikumkani, ukuze ndiyiphalaze ingqumbo yam phezu kwazo, konke ukuvutha komsindo wam; kuba liya kutshiswa ngumlilo wekhwele lam lonke ihlabathi.
9Kuba ngelo xesha ndiya kuziguqulela izizwe intetho enyulu, ukuze zinqule igama likaYehova zonke ziphela, zimkhonze ngaxhatha linye. 10Ziya kuthabathela phesheya kwemilambo yakwaKushi, zibazise abandithandayo, intombi yeentsali zam, bengumnikelo wam wokudla.
11Ngaloo mini akuyi kudana ngenxa yeentlondi zakho zonke, owakreqa ngazo kum; ngokuba ngelo xesha ndiya kubasusa phakathi kwakho abadlamkileyo bakho, benekratshi, ungaphindi uzidle ngokwakho entabeni yam engcwele. 12Kanjalo ndiya kusalisa phakathi kwakho abantu abaziintsizana, abazizisweli, abaya kuzímela egameni likaYehova. 13Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza ngobugqwetha, akayi kuthetha amanga, aluyi kufumaneka emlonyeni wawo ulwimi lwenkohliso; ngokuba wona aya kudla, abuthe, kungabikho uwothusayo.
14Memelela, ntombi inguZiyon: duma, Sirayeli; vuya, udlamke ngentliziyo yonke, ntombi inguYerusalem. 15UYehova ukususile ukugwetywa kwakho, úzidedisile iintshaba zakho; ukumkani wakwaSirayeli, uYehova, uphakathi kwakho; akusayi kuba sabona bubi. 16Ngaloo mini baya kuthi kwiYerusalem, Musa ukoyika; Ziyon, mazingawi izandla zakho. 17UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho, ligorha elisindisayo; únemihlali ngawe, enovuyo; úthe cwaka eluthandweni lwakhe, ugcoba ngawe ememelela.
18Ndiya kubahlanganisa abalilela umthendeleko, bengabakuni; ingcikivo ibaphethe. 19Yabona, ndiya kubenza ngendawo bonke abacinezeli bakho ngelo xesha; ndiyisindise into eqhwalelayo, ndiyihlanganise into egxothiweyo; ndibenze indumiso negama emazweni onke abahlaziswa kuwo. 20Ngelo xesha ndiya kunizisa, ndinibuthe ngexesha elililo; ngokuba ndiya kunenza nibe negama, nidunyiswe phakathi kwezizwe zonke zehlabathi, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwenu phambi kwamehlo enu; utsho uYehova.
Currently Selected:
UZEFANIYA 3: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.