UZEKARIYA 4

4
Umbono wesiphatho-sibane segolide nemithi yomnquma
1Sabuya isithunywa esibe sithetha nam, sandivusa njengomntu ovuswa ebuthongweni bakhe. 2Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi ke, Ndibona, nanko kukho isiphatho sesibane segolide sonke siphela, sineselwa laso phezu kwentloko yaso, sinezibane zaso ezisixhenxe phezu kwaso, zinamajelo asixhenxe ngasixhenxe ezibane eziphezu kwentloko yaso; 3neminquma emibini kuso, omnye ungasekunene kweselwa, omnye ungasekhohlo kwalo.
4Ndaphendula ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam? 5Saphendula isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Akuzazi na ukuba ziyintoni na ezi zinto? 6Ndathi, Hayi, nkosi yam. Saphendula sathi kum, Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, Àkungabukroti, àkungamandla; kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi. 7Ùngubani na wena, ntaba inkulu, phambi koZerubhabheli? Yiba sisithabazi; yena uya kulivelisa ilitye lochochoyi, kunkqangazwa kusithiwa, Ubabalo, ubabalo malube kulo.
8Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 9Izandla zikaZerubhabheli ziyisekile le ndlu; izandla zakhe ziya kuyigqiba; wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuni. 10Ngokuba ngubani na owoyidela imini yezinto ezincinane? Aya kuyibona ngovuyo ilothe yokulungelelanisa esandleni sikaZerubhabheli, kwawona osixhenxe amehlo kaYehova; ayawutyhutyha umhlaba wonke.
11Ndaphendula ndathi kuso, Iyintoni na le minquma mibini, ngasekunene kwesiphatho sesibane nangasekhohlo kuso? 12Ndaphendula okwesibini, ndathi kuso, Ziyintoni na ezi mbaxa zimbini zeminquma, zikufuphi nemiboko emibini yegolide, ethulula ioli ebugolide kuzo? 13Sandiphendula, sathi, Akuzazi na ukuba ziyintoni na ezi zinto? 14Ndathi, Hayi, nkosi yam. Sathi kum, Aba babini ngabeoli, abema ngakwiNkosi yehlabathi lonke.

Currently Selected:

UZEKARIYA 4: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena