URUTE 1:16-17

URUTE 1:16-17 XHO75

Wathi uRute, Musa akundibongoza ngokuthi mandikushiye, ndibuye, ndingàkulandeli; ngokuba apho uya khona, ndiya kuya nam; apho uya kuthi vu khona, ndiya kuthi vu khona; abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam; apho ùfela khona, ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona. Makenjenje uYehova kum, aphinde ukwenjenje: kukufa kodwa okuya kundahlula nawe.