IINDUMISO 93
93
Ubungangamsha bukaThixo
1UYehova ungukumkani, uzambathise ubungangamsha;
UYehova uzambathise, ubhinqe, amandla;
Lizinzile ke elimiweyo, alinakushukunyiswa.
2Kususela koko, izinzile itrone yakho;
Kususela kwaphakade, ùkho wena.
3Imilambo iphakamisile, Yehova,
Imilambo iphakamisé isandi sayo,
Imilambo iphakamisé ingxolo yayo.
4Ngaphezu kwezandi zamanzi amaninzi
Angangamsha, ngaphezu kwamaza alwayo olwandle,
Únobungangamsha phezulu uYehova.
5Izingqiniso zakho zinyanise kunene,
Ubungcwele buyifanele indlu yakho,
Yehova, imihla emide.
Currently Selected:
IINDUMISO 93: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.