IINDUMISO 82

82
Abaphathi abaswele ubulungisa bayakhalinyelwa
Umhobe ka-Asafu.
1UThixo umi ebandleni likaThixo,
Ugweba phakathi koothixo; uthi,
2Kunini na nigweba ngobugqwetha,
Nibanonelela abangendawo? (Phakamisani.)
3Thethani ityala losweleyo nelenkedama,
Gwebelani olusizana nolihlwempu.
4Sizani osweleyo nolihlwempu,
Bahlanguleni esandleni sabangendawo.
5Àbazi, abaqondi,
Bahamba-hamba emnyameni;
Ziyashukuma zonke iziseko zehlabathi.
6Ndithe mna, Ningoothixo,
Ningoonyana bOsenyangweni nonke niphela.
7Noko niya kufa njengomntu,
Niwe njengomnye kubathetheli.
8Khawusuk' ume, Thixo, gweba ehlabathini;
Ngokuba ùya kuzidla ilifa wena zonke iintlanga.

Currently Selected:

IINDUMISO 82: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena