IINDUMISO 6
6
Umthandazo wokucela inceba engxakini
Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide.
1Yehova, musa ukundohlwaya únomsindo,
Ungandithethisi únobushushu.
2Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile;
Ndíphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.
3Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu;
Ke wena, Yehova, koda kube nini na?
4Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam;
Ndísindise ngenxa yenceba yakho.
5Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula;
Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?
6Ndidiniwe kukugcuma kwam;
Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam,
Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.
7Lonakele kukukhathazeka iliso lam;
Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.
8Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga;
Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.
9Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam;
UYehova umthandazo wam uyawamkela.
10Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam;
Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.
Currently Selected:
IINDUMISO 6: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.