IINDUMISO 50

50
UThixo ukholiswa kukuziphatha komntu kunamadini
Umhobe ka-Asafu.
1UThixo, uThixo uYehova uyathetha;
Uyalibiza ihlabathi, ethabathela ekuphumeni kwelanga esisa ekutshoneni kwalo.
2EZiyon, ukuphela kweenzwana,
Uyakhazimla uThixo.
3Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka.
Kudla umlilo phambi kwakhe,
Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu.
4Ubiza izulu phezulu,
Nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.
5Úthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba,
Abenzé umnqophiso nam ngombingelelo.
6Izulu lixela ubulungisa bakhe,
Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)
7Yivani, bantu bam, ndithethe;
Sirayeli, ndiqononondìse kuwe;
NdinguThixo, uThixo wakho.
8Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho,
Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.
9Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho,
Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.
10Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi,
Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.
11Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi,
Nento edakasa endle inam.
12Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela;
Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.
13Ndidlè inyama yeenkunzi eziziimbalasane na?
Ndisèle igazi leenkunzi zeebhokhwe na?
14Bingelela kuYehova umbulelo,
Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;
15Ubìze mna ngemini yembandezelo,
Ndikuhlangule, undizukise.
16Ke kongendawo uthi uThixo,
Ùseké phi na wena ukuxela ummiselo wam,
Uwuphàthe ngomlomo wakho umnqophiso wam,
17Úyithiyile nje intethiso wena,
Uwaphosé nje amazwi am emva kwakho?
18Xa ubona isela, ukholana nalo,
Wabelane nabakrexezi.
19Umlomo wakho ùwuyekela ebubini;
Ulwimi lwakho luthungela inkohliso;
20Ùthi uhlale uthethe ngomzalwana wakho,
Uhlaze umntwana kanyoko.
21Ùzenzile ezo nto, ndathi tu,
Waba ndinjengawe.
Ndiya kukohlwaya ndizicwangcise emehlweni akho.
22Khaniqonde ke oko, nina bamlibalayo uThixo,
Hleze ndiqwenge, kungabikho uhlangulayo.
23Obingelela umbulelo uyandizukisa,
Alungise indlela,
Endombonisa kuyo usindiso lukaThixo.

Currently Selected:

IINDUMISO 50: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena