IINDUMISO 36:5-10

IINDUMISO 36:5-10 XHO75

Yehova, inceba yakho ifikelela ezulwini, Ukuthembeka kwakho esibhakabhakeni. Ubulungisa bakho bunjengeentaba zikaThixo; Izigwebo zakho zingamanzi enzonzobila; Ùsindisa umntu neenkomo, Yehova. Hayi, ixabiso lenceba yakho, Thixo! Oonyana babantu bazímela ngethunzi lamaphiko akho. Bayahluthiswa kukutyeba kwendlu yakho; Ubaseza emlanjeni weziyolo zakho. Ngokuba likuwe ithende lobomi; Ekukhanyeni kwakho sibona ukukhanya. Bólulele inceba yakho abakwaziyo, Ubolulele ubulungisa bakho abantliziyo zithe tye.

IziCwangciso zokuFunda zasimahla kunye nokuzinikela okunxulumene ne IINDUMISO 36:5-10