IINDUMISO 32
32
Uyolo loxolelo lwezono
EkaDavide. Eyokuqiqa.
1Hayi, uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo, osono siselelweyo!
2Hayi, uyolo lomntu angabubaleliyo uYehova kuye ubugwenxa,
Ekungekho kukhohlisa emoyeni wakhe!
3Ndithi ndakuthi cwaka, aluphale amathambo am
Ngokubhonga kwam imihla yonke.
4Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho,
Baguquka ubumanzi bam, baba kukubalela kwasehlotyeni. (Phakamisani.)
5Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma;
Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova;
Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)
6Ngenxa yoko mabathandaze kuwe bonke abenceba ngexesha lokukufumana;
Inene, ekukhukuleni kwamanzi amaninzi
Akayi kufika kubo.
7Wena uyindawo yokuzímela kwam; uyandilondoloza embandezelweni,
Undingqònge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)
8Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo:
Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.
9Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo;
Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo;
Bengenazo abasayi kusondela kuwe.
10Mkhulu umvandedwa wongendawo;
Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba.
11Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa,
Nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye.
Currently Selected:
IINDUMISO 32: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.