IINDUMISO 26

26
Ukuqononondisa kobulungisa
EkaDavide.
1Líthethe ityala lam, Yehova, ngokuba mna ndihambé engqibelelweni yam,
Ndakholosa ngoYehova, andahexa.
2Ndícikide, Yehova, undilinge;
Nyibilikisa izintso zam nentliziyo yam.
3Ngokuba inceba yakho iphambi kwamehlo am,
Ndihamba enyanisweni yakho.
4Andihlali namdoda akhohlakeleyo,
Àndihambi nabanyhwalazi.
5Ndilithiyile ibandla labenzi bobubi,
Àndihlali nabangendawo.
6Ndizihlamba kokumsulwa izandla zam,
Ndisiphàhle isibingelelo sakho, Yehova,
7Ukuba ndivakalise izwi lokubulela,
Ndibalise ngayo yonke imisebenzi yakho ebalulekileyo.
8Yehova, ndiyalithanda ikhaya eliyindlu yakho,
Nendawo yokuhlala kozuko lwakho.
9Musa ukuwubuthela umphefumlo wam ndawonye naboni,
Ubomi bam ndawonye namadoda anamagazi;
10Wòna azandla zinamanyala,
Wòna ezokunene zawo zizeleyo zizicengo.
11Mna ke okwam ndihamba engqibelelweni yam;
Ndíkhulule, undibabale.
12Unyawo lwam lumi endaweni ebanzi;
Ndimbonga uYehova ndisemabandleni.

Currently Selected:

IINDUMISO 26: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena